“Amabhoma ayizozigqubu zikusela utywala neziyobisi”-Contralesa
15 EyeKhala (July) 2024 – 24 EyeKhala (July) 2024 – Monwabisi Khininda
Abazali bayacelwa ukuba bathi xha ngokukhupha izimemo zomgidi ingekacaci imeko yomkhwetha ngoba oko kuye kudale uxinzelelo kumakhankatha esuthwini, kusetyenzwe ngokukhawuleza ngelithi kulungiselelwa olu suku lomgidi.
Lo ngumyalezo osuka kwibhunga leenkokheli zemveli kweli (CONTRALESA) Congress of Traditional Leaders of South Africa, ekwadize ukuba sekubhubhe abakhwetha kwinyanga yeSilimela, kubhubhe wamnye ePort. St Johns naseNgqeleni.Bobabini kurhanelwa ukuba babulewe lunxano nempatho egadalala kwanokungahoyeki.
“Amakhankatha mawabanike amanzi abakhwetha esuthwini,” kutsho abameli beContralesa. “Amakhwenkwe mawaqale ayokuhlolwa isimo sempilo ukuba sinjani phambi kokuba bayokungena. Ukuba umkhwetha unesigulo esinganyangekiyo makaye namayeza wakhe esuthwini kusemthethweni oko.”
Indima yabazali kulwaluko yenye yezinto ekuthiwa inganefuthe ekuqinisekiseni ukuba amakhwenkwe aya ephila,abuye ephila esuthwini. “Amakhaya mawakhethe iingcibi namakhankatha awaziwayo nababhalisiweyo kwaye akumelenga ukuba kukho nenye inkwenkwe engenayo ingakhange ifumane imvume yomzali.”
Ukanti kukwakhankanywe nococeko lwamakhankatha olungundoqo, “mazihlanjwe rhoqo izandla.” Kukwacelwa ootata namadoda asekuhlaleni ukuba aziqhelise la nto yakudala yokutyelela amabhoma kwaye kuqinisekiswe ukuba akungeni nabani ebhomeni. “Amabhoma mayingabi yindawo yesigqubu apho kuselwa khona utywala neziyobisi”.
Kuvakala ukuba sekubanjwe umrhanelwa omnye eSajonisi emva kokubhubha kwaba bakhwetha babini.Kusakhangelwa abanye ngoba la mabhoma bebengene kuwo kukhangeleka ngathi ebekhokhelwe ziingcibi namakhankatha angabhaliswanga ngokusemthethweni ukuba angaqhuba eli siko. Uninzi lweziganeko zokubhubha kwabakhwetha zidalwa yimiba efana nokuziba kwamakhwenkwe kwakunye noomavuk’engceni beengcibi namakhankatha. Isebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Kapa lingqinile ukuba ngabakhwetha abasibhozo ababhubhileyo ukusukela oko kuqale ixesha lolwakulo kulo nyaka.Isebe lithi iingcibi ekukholelwa ukuba zibangele ukubhubha kwabakhwetha abasixhenxe azinawo amaxwebhu afanelekileyo.
Kusenjalo owesibhozo obhubhileyo uphuma kwisikolo sokwaluka esibhalisiweyo eGcuwa.Isithethi seli sebe uPheello Oliphant ubongoze abazali ukuba bohlukane nokuthumela amakhwenkwe abo kwizikolo zokwaluka zomgunyathi.


