Abasebenzi baseMnquma bekunye noSodolophu uTunyiswa MAnxila-Nkamisa
 25 EyeKhala (July) 2024 – 31 EyeKhala (July) 2024 – Anele Raziya
Gcuwa
Ooceba baseMnquma eGcuwa bekhokelwa nguSodolophu uTunyiswa Manxila-Nkamisa bachithe usuku lokubhiyozela ukuzalwa kwalo wayesakuba nguMongameli weli uTata uNelson Rholihlahla Mandela ngokucoca ikhaya elingcina abantu abadala iCingela Old Age Home.
UManejala waseMnquma, uSilumko Mahlasela, umbutho wesisa ongenanto yokwenza norhulumente, uWe Care kunye nesebe lezeMpilo eGcuwa bebeyinxalenye yokubhiyozela usuku lika Tata uMandela eCingela.
USodolophu, Manxila-Nkamisa uthe iCingela Old Age Home baye bayipeyinta kwaye balima igadi nalapho baye batyala imifuno.
UNkamisa uqhube wathi baye baxhasa neli khaya ngezinto ezifana nokutya ukuze abantu abadala bahlale bonwalibile ngalo lonke ixesha.
Ngexesha beseCingela Old Age Home, isebe lezeMpilo liye lafumana nethuba lokuba lixolonge abantu abadala malunga nempilo yabo kwaye labacebisa nangezinto ekumele bazenze ukuze bahlale besempilweni.
Umasipala waseMnquma ubungaqali ukubhiyozela usuku lokuzalwa kuka Mandela ngokunceda okanye ufake isandla kwabo bangathantweni.
Kwiminyaka eyadlulileyo ubusoloko utyelela indawo ezifana neSiyakhana Youth Out Reach apho kugcinwa abantwana abangenabo abazali kunye namanye amakhaya ahlala abantu abasokolayo.
UManxila uthe bachulumancile kubhiyozela usuku luka Mandela ngokunceda abantu abadala kwaye bazimisele uqhubekeka bephucula impilo zoluntu.
ISebe lezeMpilo liye lashiya izipho ezifana nezinto ezifana nezokucoca indlu kunye nezinye kwaye kuye kwatyalwa nemithi ukungcina iCingela Old Age Home ibukeka.
Umasipala uye wathi uzimisele kwicala lokwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba wonke ubani uyaxhamla kwinkonzo ingakumbi abo batsala nzima.


