NewsPolitics

‘Sifuna bakhumbule eligqala lomzabalazo ngezizipho

25 EyeKhala (July) 2024 – 31 EyeKhala (July) 2024 – Yonela Mpaka

Ngcobo

Abantu abadala belali yase bathe banikezwa ingubo ngabantu abatsha bombutho we African National Congress kwidolophu yase Ngcobo. Oku kwenziwe ukubhiyozela usuku luka tata uNelson Mandela. Abantu abadala abathe baxhamla kwezingubo ngabo sele bedlulile kwiminyaka engamashumi amahlanu.

Abantu abatsha balombutho bakhe bancedisa ngokutya kubafundi belinye iziko lezemfundo. Utata u Sandla Gcanga nothe wafumana ingubo uthi uyavuya imini kaMandela ifikile batsho bafumana okuhle bazakombatha kuba ingqele yona iyabafumana, bayabulela kubatu abatsha abacinge into entle kangaka, uthi ngase asokole ezalwa uMandela.

Imidlalo yebhola yenue yezinto ezenziweyo ukubhiyozela ukusuka luka tata u Mandela. Osuka kulombutho uNomampondomise Siphendu uthi ukukhumbula u Madiba kubenze bacinga abantu abadala uba bakhe babancumise kuba uthi ixabiso labo likhulu kakhulu.“ Sibone makhe sihlanganise sibone uba abantu abadala sibenza bavuye njani ngolusuku, sibanikile ingubo sikwakhumbula indlela  eyahanjwa ngu Madiba kubanye babamama notata babeyinxalenye yoko kungoko singakhange sifune ukuthi cwaka, sithi bakhumbule imisebenzi ka Madiba xa bejonga ezizipho sibanike zona , “utshilo uSiphendu. Imibhiyozo yokukhumbula utata uMandela iqhube nakwisibhedlele sase Frontier kuKomani kukwanikiswa ngezipho. Imibhiyozo isaqhuba de kuphele inyanga le yokuhlonitshwa kweligqala lomzabalazo.