LocalSports

Abantu abadala bebekhuphisana kwimdlalo entlobo-ntlobo

29 EyeThupha (Aug) 2024 – 11 EyoMsintsi (Sept) 2024

Anele Raziya

Njengokuba ilizwe lisonga inyanga yamanina kule veki, umasipala waseMbhashe eDutywa ukhuthaza abantu abadala ukuba bahlale bezilolonga ukuze imizimba yabo ihlale idlamkile.

Oku kuvele ngexesha umasipala waseMbhashe ubusindleke imidlalo yabantu abadala kutsha nje kwibala iMatshamba eXhorha.

Le ibiyimidlalo yabantu abadala abaneminyaka engamashumi amathandathu nangaphezulu.

Aba bantu badala bebekhuphisana kwimidlalo entlobo-ntlobo efana nokubaleka, ibhola yomnyazi kunye neminye.

Uninzi lwabantu ebebethathe inxaxheba kule midlalo ibingamanina kwaye umasipala uye wafumana nethuba lokhetha amaqela azakumela uMbhashe kwimidlalo yeGolide yesithili kungekudala.

Uceba waseMbhashe obesisithethi esiphambile kule kulo msitho wemidlalo yabantu abadala, uNombongo Apleni uye wabulela abantu abadala ngokuphuma ngobuninzi bazakudlala nantanga babo kule midlalo ibiseXhorha.

“Apha sizokhunikhuthaza ukuba nihlale nemizimba edlamkileyo nikwazi ukuvuka ebhedini nizenzele oko ninokuthi nikwazi ukuzenzela kona,” kutsho uApleni.

Wongeze ngelithi “SinguMbhashe siyayikhuthaza lonto kwaye siyivuyela xa nithe nazidina ukuba nizoba yinxalenye yalemidlalo apha,”.

Uthe bavuye kakhulu ukubona abantu badala bephume ngobuninzi uzokuthatha inxaxheba kule midlalo intlobo-nltobo kwaye unethemba lokuba amaqela achongiweyo azakuba bamela ngempumelelo eMonti kwimidlalo yeGolide yesithili.

Ngelinyathelo uMbhashe ufezekisa isithembiso sakhe sokuba wonke ubani oseDutywa, Gatyane naseXhorha kumele axhamle kwinkonzo.

Kwicala lokuphisa ezemidlalo uMbhashe ubonakala usahambe emngceni njengoko usokha namabala wokudlala imidlalo entlobo-ntlobo kwindawo ezifana noGatyane nezinye.

Kwaye bathe bazakugqolo ukhuthazaba abantu abadala emidlalweni ukuze ihlale imizimba yabo isemandleni kwaye bedlamkile ngalo lonke ixesha.

Â