Ayisosiqalekiso ukuzala umntwana onenkubazeko
12 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 25 EyoMsintsi (Sept) 2024
Monwabisi Khininda
Maxa wambi ukuzala umntwana onenkubazeko kuza nemiceli mingeni kubazali efana nokucekiswa komntwana ekhayeni nasekuhlaleni. Kubanzima nangakumbi xa uthe waba ngumzali ongaphangeliyo nanjengoko abanye abantwana abanenkubazeko benemfuno ezifuna umzali angene kakhulu epokothweni.
Oku kuthe kwachukumisa uNkosikazi Xoliswa Ntengu nonguMnxibelelanisi kwiqumrhu labo baphila nenkubazeko iAssociation of and for people with disabilities (APD) kwingingqi i-O.R Tambo. UNkosikazi Ntengo wathi waya kumbutho oncedisana namajoni –ARMSCOR ngelicela izinto ezinokuthi zihlangabezane nabazali ukwenza ubomi babantwana babo bubelula.
Eneneni u-ARMSCOR uthe wavakalelwa nalapho anikezele ngeentonga zokukhokhela indlela kwabo bangaboniyo, iziqoshelisi zabo sebeqalise ukuya exesheni, izitulo zokuhamba kunye namanaphukeni kwabo baphila ngokutshutyeliswa imihla yonke. “Apha kwa ARMSCOR siye sijonge uluntu olusweleyo, iinkedama, abanenkubazeko kunye nabantu abadala. Kusezintliziyweni kuthi ukwenza isenzo sobuNtu nokuthi sibuyekeze ekuhlaleni. Neli ke ikhwelo silisabele ngaphandle kwamathandabuzo ngoba lithetha ngqo nezinto esikholelwa ekufakeni kuzo isandla. Kwaye sibone kufanelekile ukuba sizokunyathela apha eMthatha ukuqinisekisa ukuba ngenene ezi zinto bezicelwa ziye kubantu abebecelelwa na, ngoba ngamanye amaxesha sikhe sikhuphe imali kodwa sifumanise ukuba ayiyanga kwalapho ibifunwa khona. Siyathemba noko umthwalo siwucuthile kubazali babantwana abanenkubazeko ngoko kuncinci esize nako,” kutsho uNdodomzi Mvambo wakwa-ARMSCOR.
Kanti enyembezana umakhulu womntwana one Cerebral Palsy uThobisa Somsila ubalise wathi: “Umama womntwana yintombi yam eyazalwa ngonyaka ka-2004, unyanakhe uneminyaka emine.Kuba umntwana kufuneka eqhubeke nokufunda ndaluthathela kum uxanduva lokuhoya umzukulu wam. Ubunzima buninzi ngoba andiphangeli kwaye andikwazi kuyofuna msebenzi ndawo ngoba umzukulwana wam akakwazi kuhlala, ukuthetha akakwazi kwenzanto nje kwaphela. Loo nto indinikeza ubunzima kuba imali yakhe yesibonelelo ibuya incedise apha endlini,kufuneka sithenge amanaphukeni akhe awafake yonje imihla kusukela mhla wazalwa,kufuneka abenokutya okulungele yena.Ndibulela kakhulu ku-ARMSCOR ngesi sipho kuzakukhe kuthi xibilili ithutyana kum.”
Umama uThobisa uqhubeke wathi akusosiqalekiso ukufumana umntwana onenkubazeko sisipho sikaThixo njengaye nawuphi umntwana,nalapho abalise ukuba umyeni wakhe wabashiya kusakuvela umzukulwana.
