Isikolo solwaluko esikuCentane esibizwa iMalova Initiation School.
Anele Raziya
Isikolo solwaluko sivulwe ngokusesikweni nguMphathiswa wezeNkcubeko, uZizi Kodwa kuCentane kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu.
UKodwa ebekunye neeNdlu yeeNkosi ephondweni, umasipala waseAmathole, umasipala waseMnquma kunye nelungu lendlu yowisoMthetho eBhisho uNozibele Nyalambisa ngexesha evula iMalova Initiation School kuCentane.
Injongo zokuba kwakhiwe esi sikolo sisemngangathweni zinzame zokhusela amakhwenkwe aye esuthwini ukuba ahlale kwindawo ekhuselekileyo ukuze abuye esaphila.
Ngaphambili kuyavakala ukuba uPhinda Alfred Malova ongumsunguli wesi sikolo ebefudula esiqhubela kwintente xa kufike ixesha lolwaluko.
Kodwa umphathiswa uKodwa nesebe baye bangenelela ukuba kwakhiwe isikolo esisemngangathweni ngeezitena zeblokisi (blocks) ukuze abakhwetha abazakuhlala kwesi sikolo bakhuseleke nangokumbi.
Ngokwengxelo, isikolo esi solwaluko saqala ukuqhuba ngo1998 kwaye kubonakala siqhuba kakuhle njengoko abantu bethe gqolo ukuzisa abantwana babo xa kufika ixesha lolwaluko.
Ethetha uZizi Kodwa kulo msitho wokuvula wokunikezela nokuvula esi sikolo, uthe kuluvuyo ukuba abantwana bazakuhlala kwisakhiwo esakhiwe ngokugqibeleleyo kwaye lonto izakwenza bakhuseleke nangakumbi.
Oka Kodwa uye waqhwabela izandla nosapho lakwaMalova noTata wakhona uPhinda obethe gqolo ukugcina abantwana babantu kwesi sikolo kwaye baphume bephilile.
Uye wahlaba ikhwelo lokuba isikolo solwaluko iMalova Initiation School siphathwe kakuhle kwaye iinkosi nabahlali bamnike inkxaso ayidingayo uPhinda owasungula esi sikolo ngenjongo zokunceda uluntu.
Uthe esi sisikolo funeka sisetyenziswe ukwakha isizwe kwabantwana boluke kuso ukuze baphume bechubekile kwaye uhlabe ikhwelo nakumanye amasebe karhulumente usebenzisane nosomashishini ukuxhasa izikolo ezimile kunje.
Obethetha egameni lika Sodolophu waseAmathole uMandla Sbingibingi uhlabe ukhwelo kuluntu ukuba bakhusele iimibhombo yamanzi karhulumente kuba xa kufike ixesha lolwaluko amanzi aye adingeke ngamandla ebakwetheni.
Uthe abo bonakalisa iimimbombo mabachazwe ngaphambili kumasipala waseAmathole ukuqanda into yokuba bahlale ngaphandle kwamanzi bengaseli ngenxa yabantu abonakalisa iziseko zika rhulumente.
Uye wathi kwisizini edlulileyo yolwaluko eAmathole abakhwetha abathathu baye basweleka ababini kubo babhubhe ngenxa yongabikho kwamanzi awaneleyo emzimbeni.
UPhinda ongumnikazi wesikolo iMalova Initiation School, uthe ukwakhiwa kwesi sikolo kuthetha ukuthi uzokwazi ukugcina abakhwetha abanqabeleyo kuma50 ukuya kwi100 ngenxa yokuba indawo izakube inkulu kunakuqala.
Uye wabulela kakhulu kungenelelo lika mphathiswa uKodwa kwaye wathembisa ukuba uza kuqhube nokusebenza ngokuzimisele kumsebenzi wakhe wokwenza amadoda kwisikolo sakhe.
Uvalelise ngelithi likhona nelinye icala elisagqityezelwa ukwakhiwa kwesi sikolo solwaluko ukuze sithathe umthamo omkhulu wamakhwenkwe.

