Arts & CultureLocalNews

Iphelile imbambano phakathi kweKumkani neNkulumbuso 

26 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 09 EyeDwarha (Oct) 2024

Monwabisi Khininda

IKumkani yabaThembu uZwelibanzi Dalindyebo neNkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane, kwintlanganiso ebibanjelwe kwikhaya likaZwelibanzi eNkululekweni eMthatha bathathe isigqibo sokuba bathelelane amanzi.

Esi sibini besivalelene ngaphaya komkhusane ebhotwe saqhiza amaqhina abebangelwa kukungaboni ngasonye kumba wokuphangwa kwabahlali baseMthatha befunwa imali yeprotection fee. Kwingxelo eye yakhutshelwa amajelo eendaba emva kweli gqugula iyibeke yacaca eyokuba iNkulumbuso uOscar Mabuyane kunye noKumkani Zwelibanzi Dalidyebo bavumelene ukuba bazakusebenzisana kunqakulwe zonke ‘ezi nkunkuma’zezigilamkhuba ezisathe gqolo ukuqokelela intlawulo yokhuseleko (protection fee).

Ingxelo epapashwe ngoLwesihlanu ithi zonke izinto ezisemthethweni zizakuhlala ziyindaba yakwamkhozi kude kufike ixesha lokugqabhuka kwazo xa imeko isitsho. “Intlanganiso yesi sibini ingumkhombandlela kwingxubaxaka eyombethe eli phondo, kwaye ibonisa intlonipho, ukukhula, ikwabonisa ubunkokheli obungenachaphaza,” ihambisa itsho ingxelo.