Liyaxhalabisa inani labakhwetha ababhubhileyo
18 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025
Monwabisi Khininda
Ukurhweba ngolwaluko, ukunikwa kwabakhwetha amanzi,nokuvinjwa kwamayeza ezigulo ezinganyangekiyo (Chronic medication) kuphakathi koonozala bokusweleka kwabakhwetha abasibhozo kwiphondo leMpuma Kapa ukusukela ukuqala kolwaluko lwasehlotyeni kwinyanga ephelileyo.
Ngokwengxelo yesebe loRhulumento ngeNtsebenziswano neMicimbi yeMveli ephondweni abathandathu abakhwetha babulewe kukunganikwa manzi (Dehydration) ntoleyo ichazwa njengonobangela wolwaluko olungekho mthethweni. Ukanti omnye uthe watsha nebhuma kwanzima nokufaniseka eCumakala (Stutterheim, loo gama omnye ebhubhe ngenxa yeengxaki zemiphunga.
USihlalo weNdlu yeeNkosi ephondweni uNkosi Langa Mavuso uthi le meko iyaxhalabisa.Uthi imeko yokubhubha ibinganqandeka xa abazali nabantu bokuhlala bethatha inxabheba kwelisiko. “Uzophila njani umkhwetha enganikwa amanzi, uzophila njani enganikwa amayeza akhe ezigulo ezinganyangekiyo.Inkwenkwe ephulukene nobudoda ayikwazi kumelana nemeko enjalo igqibele izibulala,” kuphawula uNkosi Mavuso.UMntwanomhle uhlabe ikhwelo kuye wonke ubani ukuba adlale indima ukunqanda ukubhubha kwabakhwetha emabhumeni.
Ukanti usekela Mongameli uPaul Mashatile naye uthe woleka umsundulu ngokubhubha kwabakhwetha eMpuma Kapa. Ethetha kwiPalamente yaMadoda eKapa uMashatile uthe kufuneka kuthathwe amanyathelo ngokusweleka kwabakhwetha eMpuma Kapa. Ubalule unxibelelwano phakathi kwamakhwenkwe namadoda ukuqanda ezi meko.


