26 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 09 EyeDwarha (Oct) 2024
Anele Raziya
UMasipala waseNgqushwa ukwiphulo lokulungisa zonke iindlela ezathi zachaphazeleka kwizikhukhula zemvula ezinkulu ezanetha kwinyanga ezidlulileyo.
Kwiveki ephelileyo ibhunga lomasipala waseNgqushwa likhokhelwe nguceba uLindiwe Mdabula bathe batyelela ilali ezahlukeneyo eziquka eyasePikoli, INobumba kunye naseMgwalana.
Injongo zolutyelelo ibikukwazisa unokotraka ebahlalini ozakwenza umsebenzi wokulungisa indlela ezathi zakhukhuliseka zimvula kwezi lali.
Ibhunga lomasipala lithetha nabahlali bezilali livakalise ukuba umsebenzi wokulungiswa kwezindlela kulindeleke ukuba wenziwe ngenkxaso mali ephuma kwiSebe likarhulumente uGOGTA.
UCeba uMdabula uthe le projekthi yokulungiswa kwezi ndlela kulindeleke ukuba ithathe inyanga ezintlanu kwaye ilawulwa yimimiselo yezentlekele uqinisekisa ukuba iququnjelwa kwangethuba.
Ilali iPikoli iza kwenziwa indlela ezi khilomitha ezintathu (3), ilali iNobumba yenziwe indlela ezikhilomitha ezingu 2.2 lo gama ilali iMgwalana iza kwenziwa indlela ezikhilomitha ezingu3.8. Wonke lomsebenzi uza kwenziwa kwezi lali zintathu zakwa wadi 9 uxabisa imali engange R4,181,142.43.
Unokotraka u-Onwabo onikwe umsebenzi wokulungisa ezi ndlela kulindeleke ukuba aqalise ingaphelanga inyanga kaSeptemba.
Ukanti kolunye utyelelo luka masipala waseNgquhswa malunga nendlela ezemka nemvula, uye watyelela nelali Qamnyana, Gwabeni, Horton neyaseMankone.
Zonke ezi ilali zibekelwe imali engange R6 140 032,15 ukuba kulungiswe iindlela ezakhukhulisekayo kuzo ngexesha lemvula ezinkulu.
Kwezi ilali umasipala waseNgqushwa wazise unokotraka iMilwa Contruction njenge nkampani ezakwenza umsebenzi wokulungiswa kwezindlela.
Ukanti uSontinga Consulting Engineers, usebenza njengabacebisi beprojekthi yena kwaye sele enike nengxelo malunga nendlela ekumele wenziwe ngayo umsebenzi yiMilwa Construction.
Umgama wezi ndlela uwonke kwezi lali ngu-13.8 km: 2.9 km eHorton
2.5 km eGwabeni
4 km eQamnyana kunye 4.4 km eMankone
Le projekthi kulindeleke ukuba iqale ekupheleni kwale nyanga uSeptemba, kwaye kuza bakhona imisebenzi yethutyana nalapho kuzakuqeshwa abantu abasixhenxe kwilali nganye ukuncedisa kwinkqubo yokwenziwa kwendlela.
INgqushwa ithi izimisele ukuqinisekisa ukuba inkonzo eziya eluntwini ziyaphucuka kwaye wonke umhlali uyaxhamla kuzo.


