AgricultureNews

24 EyeDwarha (Oct) 2024 – 07 EyeNkanga (Nov) 2024

Anele Raziya

Umasipala wasithili seAmathole ucela intsebenziswano phakathi kwakhe kunye nabahlali ukulwa into yokonakaliswa kweezakhiwo zakhe ezingcina amanzi kunye neemimbombo ehambisa wona.

Kunyaka mali ka2023/2024 iAmathole ithi ichithe izigidi ngeezigidi zeeradi ilungisa umonakalo obangelwa ngabantu abonakalisa iindawo ezingcina nezihambisa amanzi eluntwini (infrastructure).

Oku kuvele ngexesha usodolophu waseAmathole, uAnele Ntsangani ebetyelele eMbhashe kwiveki ephelileyo nalapho ebeyokujonga inkqubela phambi kwiprojekthi yohlaziyo lwe Water Storage yaseMbhashe kunye neXhorha Bulk Water Supply project.

UNtsangani uthe wonelisekile yinkqubela phambili ayibone kwiiprojkthi zabo abazenzayo eMbhashe kodwa kwelinye icala uxhalabile ngulo mkhuba wokonakaliswa kwezakhiwo neemimbombo yaseAmathole encedisayo ukuhambisa amanzi ezilalini nasezilokishini.

“Kunyaka u2023/2024 sichithe imali engange R8,253, 619.15 silungisa umonakalo owenziwe kwindawo zethu ezihambisa amanzi,” kutsho uNtsangani.

Uthe ukonakaliswa kwale mimbombo kunye nezinye izinto kuye kuphazamise ekuhambiseni amanzi kwaye yiyo lento ebhenela ebahlalini ukuba basebenzisane nomasipala ukuchaza zonke ezi ziganeko kwaye ngobani abazenzayo.

Ukunqanda lomkhwa uthe baye baqesha abezokhuseleko (security) kweezindawo bezixhaphake kuyo iziganeko zokonakaliswa kweziseko zabo (infrastructure) kodwa ngoku kuyabonakala ukuba kuyonakaliswa nakwezinye iindawo ebezifudula zingenazo izinganeko zalo mkhwa.

EMnquma iAmathole ichithe imali engange R2, 372,782.69, Amahlathi yachitha imali engange R446,546.35, Great Kie yachitha imali engange R1,086,758.66, Mbhashe yachitha imali engange R3,094,940.50, Ngqushwa yachitha imali engange R1,252,590.95, ezo zimali ezisetyenziswe kwabamasipala ukulungisa umonakalo ngonyaka 2023/2024.

UNtsangani uthe nabezonyanzeliso mthetho koomasipala (law enforcement) funeka baphakame kusetyenziswano uqinisekisa ukuba akuphinde konakaliswe izinto zaseAmathole zeziphuli mthetho.

Yona inkqubela phambili uthe ikhona kwicala lokuphucula inkonzo ezifana nogutyulo lwelindle noqiniseka ukuba abantu bayawafumana amanzi ezimpompeni zabo.