Ubanjiwe osolwa ngokuphanga isithuthi sakwa-G4S
Monwabisi Khininda
Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe ubudala ubanjwe ngooKhetshe ngesityholo sokufunyanwa nezithuthi zobusela. Ezi zithuthi zinxulunyaniswa nokuphangwa kwesithuthi esihambisa imali sakwa-G4S ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga ephelileyo, kwindlela u-R61 kufutshane naseLibode.
Esi sithuthi  sakwa-G4S sasisendleleni esingise e-Port St.Johns ngethuba sivalelwa zizithuthi ezithathu eziluhlobo lwe- Ford Ranger emhlophe, iToyota Double Cab emhlophe neToyota Fortuner emhlophe.Isithethi se-Hawks uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi ngomhla wama-31 kweyoKwindla 2024, iqela eliphandayo lafumana iinkcukacha ngendawo ezikuyo ezi zithuthi ezisetyenziswe kolu phango, ngaphandle kwesithuthi esiyi-Ford Ranger esafunyanwa sitshisiwe ngosuku lophango.
Amapolisa alandela ekhondweni asingisa kwikhaya lomrhanelwa eNgqeleni kodwa afika sele zisusiwe apho. Aqhuba uphando,amapolisa, zafunyanwa kwilali ekufutshane. Uphando lokuqala lwamapolisa lwadiza ukuba ezi zithuthi zebiwe eMthatha naKwa-Zulu Natal. Umrhanelwa uzinikezele kwiHawks ngoLwesine.Kulindeleke avele enkundleni yamatyala yaseNgqeleni kungekudala.
Ibambela ntloko kwi-Hawks ephondweni leMpuma Kapa uBrigadier Venessa Shantelle Hastings uncome iqela lophando ngomsebenzi okhekhelele ekubanjweni komrhanelwa.
