Crime & SafetyNews

Ipolisa libanjelwe ukweba imfuyo 

24 EyeDwarha (Oct) 2024 – 07 EyeNkanga (Nov) 2024

Monwabisi Khininda

Ipolisa elineminyaka engama-40 neliyiSajini kwisikhululo samapolisa eTylden uGcobolwethu Kedama, ubanjwe ngezityholo zokweba imfuyo, ubuqhophololo kunye nokunyoba. Kutyholwa ngokuba eli polisa lathi leba iibhokhwe ezine ze lazilayisha kwimoto yomsebenzi, iibhokhwe ezo ezixabisa imali engangeshumi elinanye lamawaka R11000.00.

Lathi lakubona ukuba kukho umntu olibhaqileyo ngethuba egila lomkhuba lazama ukumfumbathisa imali ngelizama ukuvala umlomo lowo walibonayo. Ipolisa eli lithe lavela kwiNkundla kaMantyi eCathcart namhlanje emva kokubanjwa kwiCawa ephelileyo. “Oku kuthumela umyalezo ongqingqwa kuluntu kunye nesipolisa ukuba ubuqhophololo esipoliseni sizakubusiphula neengcambu, kwaye abo babandakanyekayo bazakutshutshiswa kwiinkundla zamatyala baphinde bohlwaywe nasesipoliseni,” la ngamazwi kaLt.General uNomthetheli Mene. Eli polisa lizakuthi livele kwakhona ngomhla weshumi elinesixhenxe kule nyanga ukufaka isicelo sebheyile.