IImveku ezimbini zifele etyesini
08 kuTshazimpuzi (Apr) 2024 – Monwabisi Khininda
Zimveku ezimbini ezifunyenwe ziswelekele kwityesi yenkcenkce (steel trunk) ngoLwesine weveki ephelileyo. Esi sehlo snzeke kwilali yakuGebane eLibode. Ezi mveku bezishiyeke nenina elineminyaka engamshumi amabini ubudala.Aba bantwana behlelwe leli lishwa nguKonke Nobhokisi kunye no Inikile Mbuyazwe abaneminyaka emithandathu nemihlanu ngokulandelelana.
Ngokwengxelo edizwe ngabakwantsasana uKoloneli Priscilla Naidu uthe: “Ngexesha unina kaKonke ebebuyela kwakhe abantwana bebengaziwa nokuba bakweliphi icala.” Kuye kwenziwa ugqogqo sebencediswa ngabahlali.Emva kokukhangela ixesha elide bade bafunyanwa etyesini yenkcenkce malunga nentsimbi yesihlanu emalanga. UNaidu uthethe wenjenje: “Nangona uphando lusaqhuba sityola ukuba iye yavaleka le tyesi ngexesha bengaphakathi.” Ukongeza uNaidu uthe amapolisa aphanda ityala lokubulala ngokungenanjongo.
UMkomishinala wamapolisa kwisithili sase-O.R Tambo uNjengele Phumzile Cetyana uphose amazwi ovelwano ngokungazenzisiyo emveni kokuba eve esi sithwakumbe sokusweleka kwezi mveki. “Sibongoza abazali,abantu abahlala nabantwana okanye nabani na ohleli nabantwana ukuba abeneliso elibukhali xa ehleli nabantwana,kwaye izinto eziyingozi zibhekeliswe kude kwindawo edlala abantwana,ingakumbi ekhayeni, “ kutsho uCetyana.
