U”Roundie” noMama wakhe bakhuthaza umdlalo wamanqindi kwabasetyhini.
31 August 2026 | Ntsikelelo Jonga | Kraaifontein

ULukhangele Gcaza uyintombi eselula ngeminyaka neyathi kwiminyaka eliqela eyadlulayo yazibandakanya nomdlalo wamanqindi eKraaifontein. Kungoku nje u’Roundy’ obizwa ngelogama laseqongeni uyintshatsheli ephume izandla. Uqengq’ugodo kwimilo yakhe. Umama wakhe sele engunongxowa kumbutho wamanqindi kweli leNtshonakoloni kwaye ukwanguye noSompempe. Ukwangumlawuli we ‘club’yomdlalo wamanqindi. Uchaza athi, “umdlalo wamanqindi ngaphezu kokuxhamlisa impilo eyiyo, ukwanceda kuloluleko lwasengqondweni, ukuzikhusela kubantu basetyhini”. Simbuza ngokubaluleka komdlalo wamanqindi kubantwana abangamantombi kwanabantu basetyhini uqhube wathi,
“Amanqindi atshisa iikhalori’ ezininzi kwaye enza isisu sibesicaba, imilenze ibe namandla, umzimba ubenobume obuhle obubangelwa kukuzilolonga mihla le. Akwafundisa ukuzikhusela xa uhlaselwa. Xa usazi ukuba ungazikhusela, uyazithemba, awuhambi ngoloyiko.
Iminyaka yama-20 inzima, ukungaphangeli, iingxaki zothando, uxinzelelo lwasekhaya. Ukubetha i’punching bag’ kukhupha lonke uxinezelelo ngaphandle kokulwa nabantu.
Amanqindi afundisa ukuqeqesheka okungokugcina ixesha, intlonipho, nokuzimisela. Awunakusela utywala yonke impelaveki ubuye uthi uzakulwa ngoMvulo. Kugcina amantombazana kude neziyobisi, utywala nokukhulelwa ngaphambi kwexesha kwanobudlelwane obunetyhefu. Anceda nokunciphisa isisu ngokukhawuleza kwaye unika umzimba ubume obuhle. Iqela lamanqindi lamantombazana lenza ubudlelwane obuqinileyo. Udibana namanye amantombazana akukhuthazayo, abangenawo umona. Uba yinxalenye yeqela kwaye umdlalo wamanqindi wabasetyhini ukhula kakhulu eMzantsi Afrika. Ungaba ngumqeqeshi, ungenele itumente, ufumane abaxhasi, umele uMzantsi Afrika.
Akufundisa nokokuba uzakubethwa ngoko ke kufuneka uzikhusele. Naxa ubethiwe wawa woyisakala kodwa usenokuphinda uvuke woyise, okubonisa isifundo sobomi”. Kumlo wakhe wokugqibela ulalise ubethe walalisa ngophotho intombi ebesilwa nayo eDiepriver kweli leNtshonakoloni. Yena uRoundy uthi ukulungele ukuncedisa amantombi aselula nangathanda ukuzibandakanya nomdlalo wamanqindi. “Ekuqaleni ndandinengcinga yokuba umdlalo wamanqindi ngumdlalo wabantu abangamadoda kuphela kuba sikhula ingabo ikakhulu ebebewudlala lomdlalo. Kodwa ngokuya kuhamba ixesha ndiye ndaziva ndikunqwenela ukuzibandakanya nawo. Ndathatha idigqibo sokuba mandizijule kuwo lomdlalo ngoku ndiyintombi”, uqhube watsho uRoundie. Uqale wangena kuqeqesho phantsi kongasekhoyo uMnu Monwabisi phantsi kweMonwabisi Boxing Academy nalapho afike kukho abafana ababezimbethi manqindi. Kulapho aye wakhula khona kuwo lomdlalo kwaye usekuwo nanamhlanje. Sele enaye uMphathi ongomnye phantsi kwe’Mlamli Mangcala Boxing Promotion’ kungokunje kwaye uthi uzibona esiya ekhula ngamandla kumlo we’boxing’ kwaye uzibona eyintshatsheli yehlabathi kumlo wamanqindi wabasetyhini kwiminyaka emithathu ezayo.


