NewsSports

Kuthiwa ziyilungele itumente iimbethi manqindi

24 EyeDwarha (Oct) 2024 – 07 EyeNkanga (Nov) 2024

Anele Raziya

Imbethi manqindi zaseGcuwa eziziqeqesha ngaphantsi kwesandla sika Mbuyiseli Xokolo weZanethemba Boxing club, zithi zikulungele ukulwa kwitumente ekudala ilindiwe yeIsizwe Boxing Promotions  ezakubanjelwa eMnquma ngalo Mgqibelo siya kuye.

UMasibulele “Lion King” Mbumba noBathandwa “Hard Hitter” Mendela zezinye zeembethi manqindi zaseMnquma ekulindeleke ukuba zilwe ngale mpelaveki eButterworth town hall apho umlo omkhulu ulindelwe phakathi kwamantombazana amabini, u-Asandiswa Nxokwana wakuCentane ozakuxhimfana noMonica Mkandla waseRhawutini.

La manenekazi mabini aza kulwa kwimijikelo esibhozo (8 rounds) kudidi lwe Bantamweight kwaye wonke ubani eMnquma uyakuba ejonge kulo mlo kuba nguwo omkhulu ngale mini.

Iimbethi manqindi zaseMnquma uMasibulele “Lion king” Mbumba uphakathi kwamadoda azakutshayelela lomlo xa ezakuba exhimfana noLutho Mbuku waseMhlontlo besilwa kudidi lwe Welterweight kwimijikelo emine.

Lo gama uBathandwa “Hard Hitter ” Mendela ezakuqhekezana noSivenathi Qwemesha waseMdantsane kwimijikelo esithandathu (6 rounds) besilwa kudidi lwe Featherweight.

Eli phephandaba lincokola nomqeqeshi wezimbethi manqindi, uXokola malunga neemilo yangoMgqibelo, uthe bawenze ngokupheleleyo amalungiselelo kunye neembethi manqindi zakhe kwaye banethemba lokuba bazakubuya nodumo.

“Siwenzile amalungiselelo kwaye siwagqibile kwaye sizimisele ukuyiphumelela yonke imilo yethu yangoMgqibelo,” kutsho uXokolo.

Uthe abantu baseMnquma nendawo ezingqongileyo mabalindele imilo ezakuba kwizinga eliphezulu njengoko zombini imbethi manqindi zakhe zifithi zizintambo ukulungela lemilo.

Uqhube wathi uyayazi ukuba ngekhe kubelula ubetha imbethi manqindi efana noQwemesha waseMdantsane onamava kwaye uphuma kwindawo evelise iimbethi manqindi ezaziwayo kwihlabathi, kodwa neembethi manqindi zakhe soze zivume ubethelwa ekhaya.

UXokolo uthe uMbumba kudala elinxanelwe ithuba lokulwa kudidi lweembethi manqindi ezihlawulwayo njengoko izakuba ngumlo wakhe wokuqala lona kwaye uzimisele ulisebenzisa elithuba xa esilwa noMbuku.

Phakathi kwembethi manqindi yakhe uMendela kunye Qwemesha waseMdantsane uthe abantu mabalindele owona mlo acinga ukuba uzakutakisa iintlatsi kwitumente yonke.

Eminye imilo ngale mini, uSakhumzi Nziweni waseNyandeni uzakulwa no Mawethu Limo waseMonti besilwa kudidi lwe Bantamweight kwimijikelo esithandathu (6 rounds), lowo umlo ngowana uzakuba utshayelela usingaye (main bout).

UXhanti Mjezu waseSADA uzakuvana amandla noAvuyile Mpikwa waseMonti kudidi lwe Featherweight kwimijikelo emine.

Loyiso Kewuti waseEugie aqhekezane noLonwabo Velile waseCala kudidi lwe Lightweight kwimijikelo emine.

Lo gama uSinako Malilwana wase Enoch Mgijima ezakulwa no Aphiwe Nxazonke wase Amalinda kudidi lwe INR Bantamweight kwimijikelo emine.

Amangeno eholwe yedolophu yaseGcuwa iyakuba yiR80 kubantu abadala yiR40 ebantwaneni.

Itumente kulindeleke ibenkulu njengoko uMnquma uzakub usindleka itumente emile kunje okokuqala emva kweminyaka esibhozo.