Oosomashini baxhobisa ezemidlalo
24 EyeDwarha (Oct) 2024 – 07 EyeNkanga (Nov) 2024
Anele Raziya
Inkampani yoonogada eyaziwayo, iTyeks Security Services ikwiphulo lokuncedisana norhulumente weli uxhobisa ulutsha malunga nobugozi bezigulo ezithi zichaphazele ingqondo kwaye ikwahlaba ikhwelo elikhuthaza ulutsha ukuba luhambele kude kwiziyobisi.
Kule mpelaveki siphumayo, iTyeks Security Services iye yabamba itumente yebhola ekhatywayo eMthatha kwindawo iSidwadwa nalapho ibimeme iingcali kwicala lezengqondo noontlalontle ukuba bathethe nolutsha lale ndawo.
Kule tumente, iye yamema amakhaya agcina abantwana abangenabazali afana neSOS Children’s Villages, Siyakhana Children’s home, Thembelihle Children’s home kunye neSidwadwa Primary School ukuba zithathe ixhanxeba kulo msitho ubulungiselelwe usuku olunye.
Injongo zale tumente, iTyeks Security Services ibifuna urhweba ulutsha ukuba lusondele ebaleni ukuze iingcali ngeemicimbi edibanisele nengqondo zizokufumana ithuba lokuncokola nolutsha malunga nobugozi bezigulo ezidibanisele nengqondo.
Lo msitho ubukwasetyenziswa ukuqaphela lenyanga sikuyo neyathi yabekelwa bucala uqaphela izigulo ezidabanisele nengqondo (Mental Health Awareness month).
Encokolo neliphephandaba uSiyabonga Ngcangisa osisithethi sale nkampani yoonogada uthe beyinkampani babone kufanelekile ukuba bakhe badlale indima nabo kwicala lokulwa ukusetyenziswa kweziyobisi lulutsho kunye nokufundisa ngezigulo eziphazamisa ingqondo.
“Njengokuba kuba sikhethe lamakhaya agcina abantwana abangenamakhaya, siyayazi ukuba abanye baphuma kumakhaya ebebexhatshazwa kuwo ngokuphathwa gadalala kwaye ezonto zichaphazela ingqondo yabo,” kutsho uNgcangisa.
Uthe uyacinga ukuba abantwana abakhule bephethwe kakubi emakhaya lonto iye ichaphazele ubomi babo xa bebadala bambi bazibone sele besebenzisa iziyobisi kuba befuna uthibaza ingqondo ukuze balibale ngeziganeko ezabehlelayo ekukhuleni kwabo.
UNgcangisa uqhube wathi yiyo lonto benguTyeks Security Services bekhwebe oogqirha bengqondo noontlalontle ukuba bazokucebisa ulutsha malunga nezigulo zengqondo ezifana ne depression nezinye.
UGqirha uVuyelwa Ntshangase ethetha ngexesha kuqhuba imidlalo uthe uninzi lwezigulo ezidibaniselene nengqondo ziyanyangeka kodwa bona bekwicandelo lezempilo bangathanda uzikhusela zigade zingelafikeleli kweli nqanaba lokuba zinyangwe.
UGqirha uNtshangase ongomnye woogqirha kwicandelo le Mental Health Unit kwisibhedlele saseMthatha, iNelson Mandela Academic Hospital, uthe, “Kulula ukhusela izigulo ezidibanisele nengqondo kunaxa uzinyanga,”
Uqhube wathi into efunekayo kukuba umntu athethe xa esiva lonto imvisa kabuhlungu kwaye angathathi utywala asele kuba esithi izothomalala longxaki akuyo.
Kwinkcukacha manani zakutsha uthe zibonisa ukuba uninzi labantwana abaneminyaka elishumi elinesibini ukuya kwishumi elinesihlanu (12-15)baye bazibulale ngenxa yengxaki abajongene nazo.
UGqirha uNtshangase uthe kuphando lwenzulu lwazi (Scientifically) kunobungqina obubonakalisa ukuba ubayinxalenye kwabantwana kwezemidlalo kuyawathoba amathuba wokuba bangachazeleka zizigulo ezidibaniselene nengqondo.
Nezinye izithethi ezifana no Zikhona Mnyaiza ongunontlalontle obephuma kwaTBHIV Care, uye wafumana ithuba lokuncokola nolutsha ebelizimase lemidlalo.
UMnyaiza uthe ezinye zezinto ezizimpawu kubantwana abaqalwa zizigulo ezidibaniselene nengqondo kukuba aphelelwe ngumdla kwezemidlalo kodwa ebefudula ekuthanda udlala, ukusoloko ethetha kakubi ngabanye abantu kwaye uyakuthanda ubetha kwabanye abantwana.
Uthe kwimeko ezinjalo kufuneka umntana akhawuleziswe ajongwe ukuba iphi ingxaki.
Kulo maqela ebedlala kule tumente kuye kwaphumelela iSOS Children’s Villages ibetha abamelwane bayo iSidwadwa Primary School ngo2-0 kumdlalo wamagqibela kankqoyi (final).
Ngokuphumelela ifumene indebe kunye nekiti entsha kraca abayithengelwe yile nkampani yalwa Tyeks Security Services.

