Crime & SafetyLocalNewsSports

Bayabulalana eCobosi eNgcobo

28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024

Amasebe karhulumente ebambisene namapolisa kunye nenkosi zijongene nokulwa ulwaphulomthetho olugqubayo  kwilali yase Cobosi phantsi komasipala iDr AB Xuma. Abantu abatsha  ingakumbi amakhwenkwe alwayo nabulalanayo angunobangela wokuba abasagunyeni bangonwabi. Iziganeko zokulwa kwamakhwenkwe abulalane yinto exake abazali kwilali le. Ukubakhuthaza abantwana kuthe kwadluliswa ngekiti yebhola ukuze babheke emabaleni.

Amagosa esebe lakwa Community Safety abongoze ukuba luphele oludlame lungaka. Oligosa uKhanya Nziweni uthi  indawo yase Cobosi inezinga eliphezulu lolwaphulo mthetho nelinganyamezelekileyo nesele kubulewe abantu abaliqela ngenxa yomlo wamakhwenkwe,esithi uyacela makuphele oku. Siziva sinexhala zizinto ezenziwa ngabantwana kodwa eyonanto siqonda iyangenelela kukusetyenziswa kweziyobisi nezibangela babenesibindi sokubethana bade babulalane ,noko sizothi mabayiyeke lento bajonge izifundo zabo kuba ngekhe ibase kwandawo,” utshilo uNziweni.Angapha kwesihlanu  amaqela athe anikezwa ikiti kwakunye nebhola.

Abalwa ulwaphulomthetho bencedisana  namapolisa nababizwa iCPF bemelwe ngu tata Clearance Bhonga  bathi banexhala ngabantwana abophula umthetho bebancinci kuba bazakulahlekelwa  likamva bebancinci ,bayacela abazali nabo bathathe inxaxheba bancedisane nabantwana kungade konakale kakhulu.