Crime & SafetyLocalNews

Amapolisa asakhangela omnye wabarhanelwa

28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024

Intatheli: Monwabisi Khininda

Amapolisa oMzantsi Afrika acela ukhangeliswa umrhanelwa ekukholeleka ukuba uyachaphazeleka kwisihelegu sokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo eNgobozana eLusikisiki. Lo mrhanelwa ogama linguSongezo “Mashiya” Vuma emva kophando lwamapolisa kuyabonakala ukuba uyadyobheka kwesi siganeko.

Abo banolwazi olungancedisa ukuba kufumaneke uSongezo bayacelwa ukuba batsalele umnxeba umphandi okhokheleyo kwinombolo engu-0823017662 okanye kwiCrime Stop kwinombolo engu-0860010111.