Arts & CultureCrime & SafetyLocalNews

Bakhala ngobusela bemfuyo obugabadeleyo kuQumbu

28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024

Intatheli: Monwabisi Khininda

Abafuyi belali yaseTshikitsha  eKatkop kufutshane naseNqanqarhu (Maclear) babongoza urhulumente ukuba angenelele ancedise ekulweni ulwebiyo lwemfuyo oluthathe unyawo kulo mmandla. Oku kulandela ukuthathwa kwemfuyo yeNkosi yalendawo emveni kokuba itshiselwe umzi kwiveki ephelileyo. Abahlali bakhala ngolwebiwo lwemfuyo oluthathe unyawo kulendawo kwaye kukho umkhuba wokuba kuchutshwe kanye abantu abachasene nolwebiwo lwemfuyo. Umfama ongakhange avume ukuba igama lakhe libhengezwe uthe baphila ubomi bentshontsho ngenxa yamasela emfuyo.

“Sinengxaki yokwebelwa imfuyo,nanjengokuba ndithetha nani nje kukho umzi otshiswe ngamsela. Sicela urhulumente asikhusele kule ngxaki. Betshisa umzi nje nenefuma ukubulala umniniwo kuba echasene nobusela bemfuyo, kodwa ngathamsanqa uye wakwazi ukuphonculisa abaleke.”