BusinessCrime & SafetyLocalNews

Bahleli exhaleni abahlali ngenxa yeswiti ezibulala abantwana  

14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024

Intatheli: Yonela Mpaka

Umasipala wase Dr AB Xuma uthe waqhuba iphulo lokungena kumashishini ase Dolophini ingakumbi lawo abizwa ispaza  ukuqinisekisa ukuba abathengisi kutya kudala. Ukuthindi kwabantwana abaswelekayo ngnxa yokutya ukutya okudala kokona kubaxhalabisileto abo basemagunyeni eNgcobo.

Eli phulo libangele bonke abo baqhuba spaza baqinisekise ukuba akukho ukutya okudala.abahlali baxhalabile lizonga lokusweleka kwabantwana ingakumbi ezikolweni. Ongumhlali kwindawo yase Masonwabe u Nothabile Mbanga uthi lento yenzekayo imbi kakhulu bahleli exhaleni  ngoku kuba iswiti  zona zisekho kwezivenkile, esithi bafuna abo  bathengisa ukutya okudala  kwenziwe  icebo babuyele   kumazwe wabo.Igqiza likamasipala lithe lazivala ezinye ivenkile ezifumaneke zithengisa izinto ezindala.

Osuka kumasipala iDr AB Xuma uCllr Siyabulela Zangqa uthi imbi into eyenzekayo ngoku  baxakiwe ilizwe liguqukile ngoku. “Sizifumene izinto ezindala nekudala  zaphelelwa kwenye yezivenkile ntoleyo esothuse kakhulu nesibangele siwavale amanye amashishini kuba ixhala lethu abantwana bayasweleka asilazi ilizwe liyaphi ngoku, sicela kubekhona ukuncedisana kuba imbi into esiyibonileyo, ukutya okudala makungathengiswa siyayicela lonto, sizakuthi gqolo ukuliqhuba eliphulo sesihamba nabaninzi ngoku kuba siyabona kuya kubanzima ngoku,” utshilo uZangqa. Izinto zonke ezindala zithathwe zayolahlwa. Kumasipala wase Dr AB Xuma akukabikho siganeko samntwana othe wase eleka.