Abalimi bazifumanele imoto!
14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024
Intatheli: Yonela Mpaka
Osomashishini abasakhulayo kwingingqi yase Chris Hani phantsi komasipala iDr AB Xuma bathe banikezwa izixhobo zokusebenza kwakunye nemali kwabo baqhuba amashishini adibanisa nobuxhakaxhaka. Oku kwenziwe  nguMphathiswa weSebe lezophuhliso lwamashishini asakhulayo u Stella Ndabeni. Abaxhamleyo kwezizixhobo ngabo bathi bafaka izicelo. Abalimayo  nabangabantu abatsha nabahlala  kwilali yase Gcobonco eNgcobo bathe banikezwa imoto itanki  kwakunye nezixhobo zokulima .
Ongumlimi nokule project uAsanda uthi bafaka isicelo baziva sele befonelwa ukuba bazolanda izinto. “Sivuya kakhulu kuba lomlimo kudala siwenza besifuna  nje ukuxhaswa, sinabantu abatsha abangena kule project  siqhuba kakuhle kakhulu kule project, ukuxhaswa kwethu kusenze sazibona sithengisela amashishini amakhulu, sibulela nakwabo bathe basixhasa sakwqzi ukuyenza iproject yanempepha ezibangele namhlanje sakwazi ukufumana ezizinto,“ utshilo u Asanda Lusiba.
Umasipala negqiza lika Mphathiswa uNdabeni linikise ngezizixhobo. Umphathiswa uNdabeni ushiye umyalezo kwabo baqhuba amashishini nabathe baxhaswa othi  wonke umntu makavuke azenzele kuphuhliswane kuncediswane ukuze kuliwe intsokolo nagxininise kwabo bangekaqali  ukuba amashishini mabawenzele impepha ukuze kuzobalula ukuxhamla kwizinto ezivelayo. Abo bathengisela esitalatweni nabo bathe baxhamala bathi  imvula nemimoya bezibabetha kakhulu ngoku bazakuthi bathengise ngcono kuba izitulo ne ambrella bazifumene.


