Crime & Safety

Liyaqhuba ityala leJaji etyholwa ngesincwaso

Yintatheli yeKhwezi

Lizakuqhuba kude kubengumhla we-16 kuCanzibe ityala leJjai eyiNtloko eMpuma Kapa uJudge Mbenenge.Nanjengoko kwakutshiwo kwantlandlolo ukuba omangeleyo uAndiswa Mengo uzakuba nguye kuphela ingqina kwicala lakhe,xa libuyela enkundleni elityala kuzakuqaliswa ukumanyelwa kobungqina kwicala likaMbenenge.

Kwelityala kufakwe ubungqina nguGqirha Docrat oyingcaphephe yolwimi olusetyenziswa ezinkundleni sonxibelelwano.UGqirha Docrat uthi kuphando lwakhe ufumanise ukuba kutshintshiselwano lwencoko phakathi kukaAndiswa Mengo kunye noJaji Mbenenge kwaqalwa ngembeko nangobuchule obuyelelene nomsebenzi,kodwa yafikelela ekuthunyelweni kwee-emojis (onodolana abancinci) ezisetyenziswa kwimiyalezo eyoyamene nesondo kunye nothando.

IGqwetha likaJaji Mbenenge uAdvocate G.Madonsela uthi akaziphikisi iziqinisekiso kunye nobuchule bukaDocrat kodwa bayabuphikisa ubuchule bakhe kwi-emojis.Kuyakutsala umdla eluntwini ukuva icala likaMbenenge kweli tyala,kuthathelwa ingqalelo iinkcukacha ezibanzi ngobungqina kubaMengo obothulwayo kulenkundla.

UMFANEKISO: OyiJaji eyiNtloko eMpuma Kapa uSelby Mbenenge ujamelene netyala lesincwaso.