‘Besilimele kakhulu singamafama egusha
16 EyoMqungu 2025 – 29 EyoMqungu 2025
Yonela Mpaka
Amafama emfuyo awekhala isijwili ngenxa yokutsha kwamadlelo nokwabangela ezinye igusha zife athe abuyekwe. La mafama azinze kwilali zedolophu yase Ngcobo phantsi koMasipala iDr Ab Xuma. Ukutshiswa kwamadlelo ngabantu abangaziwayo kwenze umcelimngeni omkhulu kumafama ntoleyo ebangele bambanguze behamba becela amancedo.Umasipala ukhe wawanceda amafama ingakumbi lawo anegusha zoboya abonelelwa.
IFoundation ebizwa Ubuntu ibambisene noMasipala ithe yawancedisa lamafama ngowanikeza igusha. Abathe baxhamla ngabo babetshelwe ezinye zafa ngenxa yemililo nokulamba. I-Foundation lena iwenzile kakhulu umahluko ingakumbi kutata owathi walahlekelwa zigusha zakhe ezidlulileyo kumashumi amahlanu ebwngawuvali umlomo luvuyo lokuxhaswa.
Utata u Zimele Msinga wakwilali yase Gqaga nowathi walixhoba uuthi kwakukubi kakhulu mhla afumana igusha zakhe zitshile kungazange kuvele kwamntu wayeqale umlilo, kodwa umthetho wokutshiswa kwamadlelo uthi banqwenela ujongwe kakhulu kuba uyabalimaza, nabo bathe gqolo ukwenza oku xakufike elaxesha lokutshiswa kwamadlelo bacela behlele ngeneno.
Ngethuba kunikezwa ngezigusha abo bafumeneyo bezisehla inyembezi zovuyo. I-Foundation lena izimisele ukuncedisana nabo basweleyo. “Sibone masiwenze umahluko nangona kungekho ingako esiza nayo kodwa sibone kufanelekile ukuba sibaxhase otata bethu kuba imfuyo le yeyonanto bajonge kuyo, sifuna neNkosi zingayekeleli konakaliswe kangaka sifuna nazo zincedise kwixesha elizayo kungonakali kangaka,” utshilo uAce Ngcobo.
Umasipala ukhuthaze wonke umntu ukuba into enemfuyo phakathi ihlonitshwe kuba yigolide yabantu basezilalini abaphila ngayo.


