BusinessLocalNews

Kuvakala okokuba kubhaqwe umnkilingwane ngabemi beli kwii Spaza Shops

28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024

Intatheli kaDizindaba

Kuvakala okokuba abemi beli lizwe neenzalwane bavutha “bhee” ngumsindo emva kokuba kubhaqwe abo babhalisa iiSpaza shops emagameni abo, kanti benzela abemi bamanye amazwe. Kwelinye icala abasemfuthweni wolwazi bathi lo msindo ungaka kubemi bo Mzantsi Afrika uphinde wagalelwa ipetrol yinto emalunga neSebe Lezekhaya (Home Affairs).  Kuvakala okokuba wonke lo “Duntsu baka” uqhubekayo ubhaqwe ngumbutho weOperation Dudula nekuthiwa ulwela abemi beli.

Umnumzana Dumisani Yoko okulo mbutho ka Operation Dudula phaya eSoweto kodwa ngoku elapha eNtshona Koloni uthe: “Ngoku silapha eNtshona Koloni emva kokukhuthazwa ngabemi balapha nabakhala ngokuba bathathelwa imisebenzi yabo kakhulu kweli phondo.  Sifumanisa okokuba lo mkhuba kukrokeleka okokuba ude wachaphazela naphaya emaplasini.  Sisebenza ngokusekhusini okwangoku kweli Kapa lenu kodwa mazakusibona siphelele apho singu Operation Dudula.  Imbi kakhulu into eyenzeka kweli lizwe kodwa Sinethemba kakhulu singulo mbutho ingakumbi loRhulumente ofake nombutho weDA nowabalisayo ngabemi bangaphandle.

Lo Mhlekazi obevakala enomsindo uye wazisa nokuba yena unkaba yakhe iphaya eCala yaye iye yamphatha kabuhlungu into yokufumanisa abakhaya bakhe bekhala ngokuvalelwa emsebenzini naphaya emaplasini ngabemi bamazwe angaphandle.  Uqhube wathi: “Fane ucinge xa abanye abantu bekhuthaza abemi bangaphandle ukuba bathathele kubo urhwebo kwi lokishi zethu ngokurafelwa nje iR2500 yerente.  Lo mnikazi walo mhlaba neshishini elibhaliswe ngaye ebenakho ukuzenzela ingeniso ephaya koo R60000 ukuya koo R75000 nalapho aqeshe nabo bethu bangaphangeliyo,” utshilo lo mfo ka Operation Dudula ebonakala ekhathazekile.

Ezona lokishi apha eNtshona Koloni ingakumbi eKapa uthe kuse Guguletu, Khayelitsha, phaya kwi Cape Winelands ePere phaya kwi lokishi yase Mbekweni nase Zwelethemba eVostile.  Ebonakala ekhathazekile lo mhlekazi uthe: “Fane ucinge xa sifumanise okokuba enye iSupermarket yomntu omnyama weli ide yanyanzeleka ivale kwaze kwalahlekelwa yimisebenzi abasebenzi bayo ngenxa yokufuthaniselwa zezi spaza shops zabemi bangaphandle.  Kwakhona phaya eGuguletu sifumanisa okokuba iispaza zamanina amabini eSection 3 zitsala nzima ngokufuthanselwa ngabemi bangaphandle.  Elebela uthe into entle kukuba abemik boMzantsi Afrika abafuna ukuqhuba nee spaza shops zebaveze nemisebenzi ngoku bangabhalisela iFunding ephaya kwi R1.5 million ukubaxhasa.  Lo mhlekazi ulebele ngelithi kutsha nje uMongameli Ramaphosa wazise nge R500 million ukuncedisa abo babhalisiley beli lizwe.