Abafundi bakhuthazwa ukufunda
13 EyoMbumba (Feb) 2025 – 26 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli: Â Monwabisi Khininda
Ithala leencwadi phantsi komasipala wase-Dr.A.B Xuma (Engcobo) libambisene noNal’ibali beliqhuba usuku lweWorld Read Aloud Day apho abafundi bezikolo ezahlukeneyo befundelwe ibali ngobekekileyo uSodolophu uSiyabulela Zangqa.
OnguMphathi kwithala leencwadi uViva Dastille uthi oku bekusenziwa kwindawo zonke kuncediswana nokuba wonke umntwana makakwazi ukufunda kuba kudala kwakusenziwa iintsomi ntoleyo yayekwayo.
Kusenjalo,nosuka kwisikolo samabanga aphezulu iNyanga uAwonke Mbuthuma esithi besisikolo babone kubalulekile ukuba babeyinxalenye yoku kuba ukukwazi ukufunda kunento okuyenzayo kuba abantwana bangoku bahlala kumakhasi onxibelelwano ntoleyo ibenza balibale ngokufunda kungoko ekhuthaza ukuba makufundwe.

