BusinessLocalNews

UMzantsi Afrika ugqiba intsuku ezi 200 ngaphandle kocimi-cimi

14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024

Intatheli: Anele Raziya

Ilizwe lo Mzantsi Afrika linqabele ngaphaya kweentsuku ezingamakhulu amabini (200 days) ngaphandle kokuphazamiseka ngucimi-cimi wombane (loadshedding) kwaye lonto iyabachulumancisa abemi beli.

Nangona kunjalo, kodwa iqumrhu eliphehla umbane uEskom akonwabanga eGcuwa kuba esithi uMnquma yenye yendawo ephala phambili kwicala lokubiwa kombane nokonakaliswa kwezitishi (infrastructure) zeli qumrhu ezihambisa umbane.

Kwingxelo eyaphuma kwiminyaka emibini eyadlulayo yayibonisa ukuba uMnquma uhleli kwindawo yesithathu kwilizwe kwindawo ezidume ngokutsala umbane ngokungekho semthethweni nokonakalisa (vandalism) kwezitishi zika Eskom.

Kwiveki ezidlulileyo ezimbalwa umasipala waseMnquma ebambisene noEskom baye bathatha isigqibo sokuba baqhawule zonke iintambo ezitsala umbane ngokungekho semthethweni  kumashishishini asedolophini eGcuwa.

Esi sigqibo silandela emva kwezikhalazo zamanye amashishini athi acinyelwe ngumbane imini nobusuku kodwa awayazi ukuba ibangelwa yintoni lonto.

Ukanti uMnquma noEskom bathi unobangela wokucima kombane ngababantu betsala umbane ngaphandle kwemvume.

Amagosa waseMnquma kwicandelo lezonyanzeliso mthetho (Law enforcement) noEskom baye bathi bhazalala idolophu yonke becima wonke amashishini atsale umbane ngobutsotsi.

Ubuninzi balo mashishini ibizi containers ezenza inwele kunye nezo kuphekwa kuzo ezantsi kwaseFingoland Mall.

Bonke oosomashishini abafunyenwe betsale umbane ngondlela mnyama baye benikwa imidliwo ekumele bayibhatale kwaye batyityimbiselwa umnwe ukuba bangakhe baphinde bazithathele kumbane kungenjalo bazakujongana nengalo yomthetho.

Kwincwadi ekhutshwe ngumasipala waseMnquma uhlabe ikhwelo kubahlali ukuba bachaze abo batsala umbane ngondlela mnyama.

UMnquma uthe uninzi lwamashishini luyaphazamiseka kusebenza ngenxa yabantu abazitsalela umbane ngaphandle kwemvume.

Abo bazitsalela umbane kuthiwe mabachazwe kwaEskom okanye kutsalelwe kuMnu uKhayalethu Buso waseMnquma kwinombolo ethi 071 998 4980.