Arts & CultureLocalNews

Amalungiselelo okuvulwa ngokusesikweni isizini yolwaluko

14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024

Intatheli: Anele Raziya

Bonke oomasipala kuquka nezithili zabo eMpuma Koloni babile bamaxhaphetshu begqibezelela amalungiselelo wokuvulwa kwesizini yolwaluko ngokusesikweni ngalo lwesihlanu siya kuye.

ISebe elijongene neeMicimbi yeeNkosi, eMpuma Koloni sele likuphe isibhengezo esichaza ukuba likulungele ukuvula ngokusesikweni isizini yasehlotyeni yolwaluko ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga (15 Novemba).

UMphathiswa wesebe uZolile Williams uthe iingcibi namakhakhatha sele eqeqeshiwe kwaye axhotyiswa ngezinto ekumele azenze ngeli xesha lolwaluko lokuphela konyaka.

UWilliams uqhuba wathi amakhankatha aqeqeshwe nangendlela zokuthintela izifo ezosulelayo (preventation of inflections) kwakunye nangendlela yokuphatha amakhwenkwe ehlathini ukuze abuye ephila.

Inkqubo yokuhlolwa kwamakhwenkwe ngaphambi kokuba aye ehlathini, uWilliams uthe ibivulwe kwinyanga ephelileyo kwaye bayakhuthaza abazali ukuba baqalise abantwana kumaziko wezempilo ukuze kujongwe isimo sabo sempilo ngokuba boluswe.

Kwisizini edlulileyo yolwaluko isebe lithi ngamakhwenkwe ayi 11 193 aye oluswa. Ayi 8 531 kuwo aqala kumaziko ezempilo ngaphambi kokuba ayokoluswa. Abakhwetha abayi1 626 bathi bafumana ingxaki kwizigulo zabo ezahlukeneyo kodwa bafumana uncedo kumagosa ezempilo kwaye baphila.

Nangona isebe lika Williams libambisene nesebe lezempilo namanye amacandelo ajongene nolwaluko asebenza ngokuzinikela kwisizini edlulileyo yolwaluko kodwa ngelishwa kwaye kwabhubha abakhwetha abalishumi elinesine.

Isebe libambisene nabazali kunye neenkosi lithembisa ngokwenza ngako konke okusemandleni ukunqanda into yokoluswa kwamakhwenkwe ngokungekho mthethweni ngabo bazingcibi zomgunyathi.

Kwiveki esiphuma kuyo umasipala waseMbhashe eDutywa ububambe indibano neenkosi, amapolisa, iingcibi, amakhankatha, amagosa wezempilo namanye amacandelo ngelizama ukuthintela ukubhubha kwabakhwetha ehlathini nokoluswa kwabo ngokungekho mthethweni.

Indlu yeNkosi eMpuma Koloni ibatyityimbisele umnwe abo bazakubona ixesha lolwaluko ukuba bazenzele imali ngokolusa abantwana bengezongcibi.

Le ndlu ithe isebenzisana namapolisa uqinisekisa ukuba abophula umthetho ngale sizini yolwaluko bayabanjwa bavalelwe.

Abazali bayakhuthazwa ukuba bahambise abantwana kumaziko ezempilo ngaphambi kokuba basiwe esuthwini.