Basukile emabhodlweni kuNogwaza
27 Canzibe 2024 – Yonela Mpaka
UMphathiswa weSebe lezeMfundo kweliPhondo leMpuma Koloni uFundile Gade ehamba negqiza lakhe basivule ngokusesikweni isikolo samabanga aphantsi nesibizwa Nogwaza nesikwilali yaku Beyele phantsi komasipala iDr AB Xuma. Esi sikolo sime kwisizikithi selali nesithwala abantwana abangapha kwamakhulu amathathu. Amabhodlo ebekukade kufundelwa kuwo iminyaka ngeminyaka kubachukumisile abafundi besikolo esi besithi bebehlekwa ngabanye abafundi bezinye izikolo kuba isikolo besibubugxwayiba.
Esi sikolo sithe sanikezwa ngezihlangu ezilikhulu ukuncedisana nabantwana ingakumbi abo bangathathintweni. Ikomiti ezilawula kwisikolo esi bezingawuvali umlomo luvuyo lokunikezwa isikolo esikudidi oluphezulu babebeqhele amabhodlo. Olilungu lebhodi kwisikolo esi utata u Jingqi uthi bayavuya side sazokuvulwa isikolo kuba imeko yaso ngaphambili ibingekhontle, “Sibamba ngazo zozibini kuMphathiswa uGade othe wasenza isicelo sethu saphumelela abantwana bethu bebesele belilahlile ithemba kodwa ngoku libutele siyathembisa ukusikhathalela isikolo esi sizakuqinisekisa ukuba abantwana abasishiyi baye kwezinye,“ utshilo utata uJingqi.
UMphathiswa weSebe lezeMfundo uFundile Gade usivule esisikolo wasinikeza sinalomagumbi asemgangathweni edibene nenkosi umasipala kwakunye namanye amasebe karhulumente. Sizonikeza ngesisikolo kuba sele umde umgama sicelwa saqonda icebo malibekhona kuba sifuna abantwana bafumane isiseko esingundoqo besekumabanga aphantsi, sithi kubazali bancedisane netitshala xa kukho izinto abangaziqondiyo ezidibanisa nesikolo bahlale kwintlanganiso baxoxe, sele zinizni izikolo esele sinikeze ngaso kweliPhondo leMpuma Koloni sifuna imfundo yabantwana ize kuqala ezinye izinto zilandele, sithi nasi isikolo mayiqhube iimfundo iye phambili,” utshilo uGade. Isikolo uNogwaza sesinye zezikolo ezikumgangatho ophezulu.


