EducationLocalNews

Bafuna uhoywa abelali yase Chefane hook eNgcobo

Abahlali base Chefa hook phantsi komasipala I Dr Ab Xuma bebebambe uqhanqalazo bekhalazela inkonzo zika rhulumente ezingafikiyo kubo. Izandyondyo zemvula azibaphelisanga mandla kuba baphume isitsho bevale indlela esuka eCala nase Elliot kungekho moto zikwazi ukudlula ziye edolophini.

Izikhalo zabahlali bendawo yase Chefane hook yibhulirho engasahambekiyo nesele kubikwe iziganeko zokutshona kwabantu kuyo, amanzi abawasokolayo indlela ezingahambekiyo bekhalazela kwa noCeba u Sivuyile Platyi ongafumanekiyo nongayi kwintlanganiso zabo. Ongomnye wabahlali uthi basengxakini enkulu ibhulorho iyabagqiba abantu abanayo indlela kunzima xa kunethile kakhulu.

“Kudala sicela ukwenzelwa nokuba ngumcangcatho kuba ixhala lethu ngabantwana besikolo kwakunye netitshala ekunzims ukuba ziye esikolweni noko lonto ayisiphethanga kakuhle amanzi angekhoyo indlela azihambeki noko siyamcela urhulumente angenelele,“ utshilo umhlali utata u Sanele Mbotho. Igqiza elisuka kumasipala I Dr Ab Xuma lisondele kubahlali liyova ngengxaki abanazo.Ojongene nendlela kwakunye namanzi kumasipala lona u Ceba u Sandiso Ngxangu uphendulr ngelithi ingxaki zabahlali bazivile abanako ukukhawulezisa  bakulungise bazakwenza becela abahlali babenomonde.  “Sicela abahlali bangakhali kakhulu sivile ngakokonke sizakuzama ingakumbi leyebhulorho kuba siyeva ayanda amaxhoba ayo, sithi ngxe kubahlali base Chefane hook,” utshilo uNgxangu.

Otitshala babeke isikhalo esikhulu sokuba  isikolo sizakude sivalwe kuba abantwana bayasishiya baye kwezinye izikolo ntoleyo ebachanayo nabo .Umfundisintsapho kwisikolo i-Chefane uNomsa Dyasi uthi xakunetha kakhulu bayalibala ngesikolo imfundo yabantwana iyaqhwalela kakhulu oku akubaphathi kakuhle bacela inzame ezikhawuleziyo.