Ude wagoba uphondo umhlolokazi emva kokubhaqa umkonyovu ngendodakazi
12 KweyoMnga 2024 – 15 EyoMqungu 2025
Kuthiwa umhlolokazi wonotekisi nowathi wabaleka isiko lokungenwa eMampondweni ude wagoba uphondo wavuma ukungenwa ngumntakwabo myeni wakhe.
Lo mhlolokazi noneminyaka egama 38 nosele ezakugqiba unyaka ezilele elubhacweni emva kokuqwesha unabantwana ababini inkwenkwe nentombazana.
Kuvala okokuba abantu belali yase Bhukuveni ku Mampondo ase Mpuma kwesi ka kumkani uBotha Sigcawu bothuswa kukuqhwesha kwalo makoti ongumhlolokazi ngoku.
Ngokwee ngxela kuvakala okokuba umyeni walo mhlolokazi wayengunotekisi nowathi wasweleka kwi ngozi phaya phakathi kwe Magwa nakumajiko-jiko ase Mkhankatho kwi ndlela eya eSajonisi. Kuthiwa lo notekisi wayene Spaza shop kunye nee Quantum ezimbini. Bona abasemfuthweni wolwazi bathe lo mhlolokazi ude walivuma isiko lokungenwa emva kokuva ngeempukane eziluhlaza okokuba enye yamadodakazi angendanga imitasatasa izama okokuba izinto zalo mhlolokazi, iitekisi ezo kunye nevenkile zibhaliswe ngaye nanjengoko iyiyo le ndodakazi ejongene nabantwana bomntakwayo. Oku kuxabanisa imibutho yeetekisi iBorder Alliance Noncedo.
Kuthiwa kube lapho abonwe sele efika lo mhlolokazi esazisa uyise zala nonina zala womnye okokuba uyavuma ukwendiselwa kumntakwabo myeni. Onokrawuzana bathi lo mhlolokazi wayemthanda kakhulu umyeni wakhe nowayethanda ukumkhupha amse eDurban Beach Front.
Ukanti yena umntakwabo myeni ngu “Gushumnqayi” obethanda ukuhamba “Izabhukayi” (iintselo) elalini.
Kwabona onokrawuzana bathi lo mhlolokazi wakhala ngelokuba eli siko lokungenwa aliqhelekanga ncam kowabo phaya kuma Hala eLady Frere.


