Arts & CultureCrime & SafetyLocalNews

Iqumrhu ligxeka ukweluswa kwamakhwenkwe amancinci

12 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025

Monwabisi Khininda

Iqumrhu iAlfred Nzo District Initiation Forum ikugxeka kabukhali ukoluswa kwabantwana abangekafikeleli kwixabiso lokuba bangaya esuthwini. UNobhala weliqumrhu uSifiso Ntanga amanye walamakhwenkwe afunyenwe enazo iincwadi ezivela kwisebe lezeMpilo ezibavumelayo ukuba bangayokwaluka, abanye bengenazo kucaca ukuba bazebelile bayokwaluka.

La makhwenkwe amanye wawo awakadibanisi neshumi elinesihlanu leminyaka ubudala.Ekubeni iminyaka eqingqiweyo ukuba inkwenkwe ingaya koluka xa ifikelele kwishumi elinesbhozo leminyaka ubudala.

Enye inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesixhenxe ikhutshwe ebhumeni yagoduswa. Ixesha lolwakuko luvulwe ngomhla we-13 kuNovemba kwelakwaBhaca. Ukuzakuthi gaa ngoku ngamabhoma angamashumi asixhenxe anesine (74) abalwe kwaBhaca inkoliso yawo isezintabeni.

UNtanga uthe inkoliso yamabhoma asezintabeni kunzima ukuba bangafikelela kuwo ngenxa yeendlela ezingahambekiyo ngezithuthi. “Kugqogqo ebesilubambile khange kufunyaniswe kukho ibhoma elingekho mthethweni. UNtanga uthembise ngokuba bazakusoloko bethe gqolo ukuwajonga lamabhoma.