CommunityNewsSocial Development

UMsamariya olungileyo uququzelela iKilismesi yeenkedama

18 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqumbu 2025

U-Inathi Kwezi (20) yintambazana eyinzalelwana yaseXhorha,ekwangumfundi wonyaka wokugqibela kwizifundo zamahlathi (Diploma in Forestry) kwikholeji iFort Cox. Kulo nyaka uthe wayokwenza uqeqesho kwihlathi laseJessievale eMpumalanga phantsi kwenkampani iSouth African Forestry Company SOC Limited, kule lolixa kanye apho afikelwe zingcinga zokwenza iKlismesi emyoli kwiinkedama. “Eliphulo ndilibize ngeForestry Beyond Trees emva kokuphawula ukuba into yokuba ngusomahlathi kubanzi kunokuba abantu becinga,”utsho uInathi.

“Injongo yeForestry Beyond Trees kukukhulisa nokuphuhlisa indawo esihlala kuzo, eli ke iphulo lokuya kunikela kwikhaya leenkedama iBethany eMthatha lelinye lezinto ezithetha ncakasana neliphulo. Ixesha leKilismesi lixesha lokupha, ukunika ithemba nokudlulisa uthando. Ndikholelwa ukuba wonke umntu uyakudinga ukuxhamla kwezi zinto ndizikhankanyileyo, enomzali engenamzali. Ndikwakholelwa ukuba abo bangenabani babankenenkene ngakumbi ngelixesha kungekho mntu ozakubavisa kamnandi; ndisebenzela ukuvala eso sikhewu ngeliphulo.”

UInathi uthi ngunyaka wakhe wokuqala lo esenza eliphulo kwaye ujonge ukuqhubeka nalo nakwiminyaka ezayo. Umnceli mngeni kaInathi kukuba njengomfundi uxhomekeke kwimali yabazali nathi ancuntsule kuyo ukufezekisa iphupha lakhe, nalapho acela abo banako ukuphosa esivivaneni ngalonto incinci anayo kuquka izinto ezifana namanapkeni,ukutya kweentsana, iimpahla eziqala kwiinyanga ukuya kwezintandathu kunye nezinto zokudlala. Umhla wokugqibela ngumhla we-19 kule imiyo. Yena uzakunikezela ezi zipho ngomhla wamashumi amabini.

UInathi uyafumaneka kuInstagram: inar.ty

LinkedIn: Inathi Kwezi

Email:kweziinathi2@gmail.com