Kuvulwe inkundla ezochophela amatyala odlwengulo eMthatha
16 EyoMqungu 2025 – 29 EyoMqungu 2025
Monwabisi Khininda
Urhulumente ukhuthaza amaxhoba odlwengulo ukuba achaze ezi ziganeko emapoliseni. Esi siphakamiso silandela emva kokuphehlelelwa kweNkundla ekhathekileyo ezochophela amatyala odlwengulo (Sexual Offences Court) kwidolophu yaseMthatha. Usekela Mphathiswa wesebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo Siseko (Justice and Constituitional Development) uAndries Nel nguye ophehlelele le nkundla kutsha nje.
Ngokwengxelo yelisebe ummandla waseMthatha unkqenkqeza phambili kwiziganeko zokudlwengulwa kwabasetyhini nabantwana kwiphondo laseMpuma Kapa ulandelwe yiLusikisiki. Ukanti kuzwelonke ukwindawo yesine ngokwenkcukacha manani. UAndries Nel uthe: “Asizuthula kuxhatshazwa amanina nabantwana.Ukulwa lo mkhuba kufuna intsebenziswano. Amaxhoba makangabuva ubulungisa makabubone ngamehlo. Ayisoze iphele i-GBV ngaphandle kwentsebenziswano. Sikhuthaza amaxhoba azochaza ezi ziganeko azotsho afumane uncedo.” UMqondisi woTshutshiso loLuntu (Public Prosecution) ephondweni uAdvocate Barry Madolo uthe bekunzima ukukhawuleziswa kwamatyala ezesondo ngenxa yokugcwala kwamatyala.
Ukwathe amaxhoba aquka abasetyhini abasakhulayo mabangafeli ngaphakathi njengoko udlwengulo ilulwaphulo mthetho olungachazwayo ngamanye amaxhoba. Umlawuli kwinkampani engenzi nzuzo Indlezana Yezwe uSiyamthanda Ndlela uthe: “Asizingci ngendlela yokuxhatshazwa ngokwesondo kwamanin nabantwana kummandla waseMthatha. Ukuxhatshazwa kuchaphazela amanina namadoda.” Umhlali uNokomani Faleni uthe inkonzo yesipolisa ayikakulungeli ukunikwa iinkcukacha ngamaxhoba odlwengulo,watsho esithi makulungiswe athembeke eluntwini.