Ootata nezizalwana bathi mayixhonywe inkosikazi eyabulala umyeni
Matatiele
Kuvakala okokuba bavutha “Bhee” ngumsindo ootata ngenxa yokungwetywa intambo kwenina elabulala umyeni walo. Kuthiwa ababodwa ootata kweli khwelo koko kubandakanywa nabazali nezalamana zomfi uZukile Mathandela nowayeyi nqununu kwi sikolo samabanga aphezulu eMaluti. Kuvakala okokuba lo msindo nengqumbo engaka ivele emveni kokuba unkosikazi kamfi uNombuyisela Mathandela Gwiji ethe wawongwa ngesidanga (Degree) kwi mfundo yobutitshala.
Kungokunje ootata bathi bazakubamba enkulu itoyi toyi kwii nkundla zamatyala apha eMatatiele, eThekweni nakwi University yase Westville ngenxa yokuwongwa ngesidanga kweli nina lingumbulali. Kuvakala okokuba aba tata bazakutoyi toya baxhaswa nalusapho lakwa Mathandela. Isizalwana sikamfi uZukile, uLuthando Masiza sithe: “Fana ucinge xa thina sizizizalwana kunye nosapha lakwa Mathandela sisekwenkulu intlungu sibone lo mbulali eboniswa koo mabona kude (TV) evuyela isidanga. Akuphelelanga apho ngoku thina kufuneka sondle esi sigwinta nge Tax Yethu esiyhlawula lo Rhulumente we ANC ongenalo tu ulawulo. Ezi zigwinta ziphila zilale ezibhedini zinxibe nee bhulukhwe ezinde, zinee Cellphones zikwamamela noo nomathotholo neeTV. Thina ngelo xesha sise kwezinkulu iintlungu. Mna endingathanda ukukutsho kulo Rhulumente weshwangusha kukuba abuyise isigwebo sentambo. Mna andizanga ndamva ogwetywe isigwebo sentambo ephinda avuke ekufeni aphinde adlwengule, abulale amoshe ekuhlaleni,” utshilo lowo wayeli polisa ngexesha lika Matanzima.
UMandisa Mathandela ongudade kuZukile uthe: “Ndibuhlungu, intliziyo yam ilihlwili andirhaleli nokuthetha ngoNombuyiselo ngoba imbi into asenza yona.” UMandisa uthe khange ambone yena uNombuyiselo uvengo osisibakhe besithi bambone kumabonakude.
“Njengoba ndithetha nawe ngoku ndisesibhedlele, kuvele kwenyuka yonke xandisiva ukuba lomntu wasenza ubuhlungu obungaka yena uqhubekaka kuhle nobomi bakhe. Mna ikhaya ndalincama ndahamba eMatatiele ngoba bendingasakwazi ukuhlala kula ndawo,” ungqukruleke watsho uMandisa. “Ndibuhlungu, sibuhlungu noko besicinga asizuphinda simbone lo mntu kodwa nankungoku ebusweni bethu,” utshilo uMandisa.
Ephefumla koonondaba, uNombuyiselo ubonakalisa uchulumanco kwaye uthe usezoqhubeka nezifundo zakhe afumane i-PHD kwiYunivesithi yaseFree State esejele enjalo.
