LocalNews

Iyaphuculwa indlela yokusa inkonzo zikarhulumente ebantwini

12 EyeDwarha 2023 – Yonela Mpaka

NGCOBO

Umasipala wase Dr Ab Xuma ubambe okokuqala into ebizwa State of ward address apho kuyiwa kuzozonke iwadi zase Ngcobo kuyochazwangezinto ezikwazileyo ukwenzeka ezifana nenkonzo zikarhulumente. Minyaka le oku kwenziwa nguSodolophu womasipala uSiyabulela Zangqa echaza ngobume bomasipala kodwa ngoku zonke indawo zaseNgcobo ziyaziwa isimo sazo.Lenqubo ibikhokhelwe nguSomloml womasipala uMandilakhe Kondile noqinisekise ukuba abantu bayaphuma ukuyozimamelela ngobume bendawo zabo.

“Sibone makhe sikwenze oku ukuze abantu bayazi sifuna ukusebenzisana nabo keingxaki abanazo, asifunanga undiva siye kubo ngqo satsho izinto ezipasileyo ezo zingapasanga sinike umkhombandlela kuzo, izindlu zesibonelelo sikarhulumente abantu bazifuna kakhulu kuquka namanzi kodwa sitshilo uba bayazifumana abanye abantu ngenxa yokubanomonde suqalilenje ukwenza ezizinto asifuni phinda sibuye ngamva ngoku,“ utshilo uKondile.

Umcelimngeni wamanzi ubekwe phambili phantse kuzozonke iwadi zase Ngcobo Ukungena kukaSodolophu omtsha weChrishani uSizani kunike ithemba abaninzi nanjengoko umcimbi wamanzi ewubeke phambili. Abahlali bafumene ithuba lokuzibuzela imibuzo koceba babo. Onguceba edolophini uSivuyile Platyi uthi  umsebenzi omninzi sele wenziwe zimbalwa izinto ekudingeka ziqhotyoshwe nabajonge ukuba kwiminyaka ezayo zibe sele zikhona .

“Sifuna  ukunika ithemba ebantwini sibazise ukuba imfuno zabo siziqwalasele kakhulu, sicela intsebenziswano kuye wonke umntu kuba iNgcobo singayakha xasibambisene,“ utshilo uPlatyi. Abantu bakuvuyele kakhulu ukuyelwa kwindawo abahlala kuzo beyonikwa ingxelo egcweleyo ngezinto abafuna urhulumente azenze nezo sele zenziwe..