Udlwengule isidumbu izihlandlo eziliqela
16 EyoMqungu 2025 – 29 EyoMqungu 2025
Monwabisi Khininda
Owaziwa ngesiduko sakhe uNxuba nokwangumalusi wemfuyo kwindawo yaseMgqumo, eDalindyebo kwawadi 20 utyholwa ngokudlwengula isidumbu. UNxuba lo ezithethela ngokwakhe ebahlalini uthe: “Kudala ndiyifuna le ntombi ingandivumi, ndiye ndagqiba kwelokuba ndiybambe emveni koko ndiyikrwitshe ide ife,emveni koko ndiyidlwengule,”utshilo.
UNxuba lo ngowaseNcise eMthatha, ungumalusi wemfuyo kwilali yaseDalindyebo eMgqumo. Ingxelo ithi wabulala uPhuthuma Betya (36), wakugqiba wayofihla isidumbu sakhe ezindongeni iintsuku ezintathu zonke. Uqhuba athi uNxuba “Rhoqo ndifikelwa ziinkanuko zesondo bendiye ndithi chuu ndifike ezindongeni apho ndisigcine khona isidumbu,ndizenzele kuso ndakuzonelisa ndiphindele emsebenzini.” Oku ukwenze iintsuku ezintathu zilandelelana.
Uthe akubona ukuba umzimba uyonakala wawuyeka.Indlela abhaqwe ngayo, uye wathatha imfono-mfono ephathwayo,kwaye ebeyiphendula ngalo lonke ixesha itshalelwa umnxeba. UNxuba useluvalelweni uzakuvela kwinkundla kaMantyi eMthatha kungentsuku zatywala.
