Isikhululo sezosasazo sasekuhlaleni, iAlfred Nzo Community Radio
28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024
Intatheli: Anele Raziya
Isikhululo sezosasazo sasekuhlaleni, iAlfred Nzo Community Radio ezinze kwingingqi yaseAlfred Nzo eMpuma Koloni, ize noncumo kwiqela lebhola ekhatywayo labasetyhini ngempelaveki.
Esi sikhululo sisazela uluntu lwaseNtabankulu, KwaBhaca, Matatiele, Bizana, eMaxesibeni naseCedarville basibambe umsitho wokuwonga abasebenzi kunye neqela lebhola ekhatywayo eliye lagqwesa kulo nyaka umiyo.
Lo mnyhadala wamawonga ububanjelwe eCasino kwindawo yaseBizana ngoLwesihlani kwaye uluntu beluphume ngobuninzi uzokunika inkxaso kwisikhululo sabo.
Eyonanto eye yantsala umdla nangakumbi kulo msitho ibekuchongwa kwamaqela webhola ekhatywayo wamadoda edityaniswe nalawo wabasetyhini.
Wonke umntu ongumphulaphuli weAlfred Nzo Community Radio kunye nomthandi webhola ekhatywayo ebenomdla omkhulu wokubona iqela elizakuphumelela iwonga elibizwa ngokuba “best sport team of the year”.
Amaqela ebekhuphisana kweli candelo ibiyi Executive Ladies yaseNtabankulu ezintshatsheli zeSasol league Inland Stream kule sizini, iMatatiele Netball Club eyaziwayo kwicala lokudlala ibhola yomnyazi, ibengamaqela amathathu adlala kwiABC Motsepe league naquka iFC Siyanda, Amaxesibe FC kunye neSinenkani FC.
Onke lamaqela angene kukhuphiswano emva kokuba athi akhethwa ngabaphulaphuli ukuba ibengawo omahlanu azakukhuphisana ngewonga le best sport team of the year.
Emveni kokuba ekhethiwe amaqela isikhululo iAlfred Nzo Community Radio siye sanika ithuba abaphulaphuli ithuba lokuba bavotele iqela abacinga ukuba kufanele liwine iwonga.
Ukusukela ngomhla weshumi elinanye kuOkthobha uzokuma ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kule nyanga 11 October-15 November) oko abaphulaphuli bevota bevotela iqela abafuna liphumelele.
NgoLwesihlanu eCasino kuye kwabhengezwa iExecutive Ladies njenge qela eliye lafumana iivoti ezininzi zabaphulaphuli lonto yathetha ukuthi ifumana iwonga lokuba yi best sport team of the year.
UKapteni weliqela uThembeka Pam Zoko uthe ukuwina kwabo eli wonga kuchaza ukuba bayathandwa ngabantu baseAlfred Nzo kwaye bayijongile indlela abazimisela ngayo xa bedlala.
“Ndingatsho ndithi ndothukile ngokuwina kwethu iwonga le best sport team of the year, ndithe xa bendijonga amaqela ebesikhuphisana nawo bendingenalo ithemba kodwa kuyacaca abalandeli bethu bayasithanda kwaye bayayibona indlela esizimisela ngayo xa sidlala kwiSasol league,” kutsho uZoko.
Oka Zoko uthe bayayibulele inkxaso abayifumene kubaphulaphuli abaye bavotela iqela lakhe.
Iwonga liye lomkelwa nguSihlalo weqela, uMawethu Nama nochaze ukuba usacwayite nanamhlanje kuwina iwonga kumsitho weAlfred Nzo Community Radio awards.
UNama uthe benze imbali kwaye uyathemba ukuba bazokhuthazeka abantwana abadlali bakhe nakwisizini ezayo.
IExecutive Ladies idlale isizini yonke kunyaka u2024 ingakhe ibethwe kwiSasol league Inland Stream lonto yathetha izintshatsheli kuluhlu lwamaqela ebekhuphisana nawo.


