Umbutho wonotekisi ukhuphe isibhilivana esothusayo
16 EyoMqungu 2025 – 29 EyoMqungu 2025
Monwabisi Khininda
Asiginyeki asinambitheki kwaye siyothusa kubahlali baseMthatha isibhilivana nesiqwempana sencwadi ebhalwe ngumbutho wonotekisi (Mthatha Taxi Owners Association).
Esi sibhilivana sibhalwe ngolu hlobo: “Mzali obekekileyo,
Oku kukwazisa bonke abantu abalayishelwa abantwana besikolo ngeVeni (Contract/Staff) ukuba ukusukela ngomhla we-15/01/2025 abavumelekanga abantwana besikolo balayishwe ngeeVeni apha eMthatha jikelele.
Umzali ofuna ukulayishelwa umntwana makaye kwi-Ofisi yeTaxi yendawo ahlala kuyo azoncedwa khona ngokulayishelwa umntwana wakhe.”
Ozithobileyo
Secretarian Office Main Rank
Ithe yakufika le mbalelwano yabatsharha abazali abaninzi,yadala ukubetha-bethana kwezimvo ikwabangela inkxalabo noloyiko,kuba uninzi lwabazali lusebenzisa eziVeni.Esi sibhilivana,sibhalwe ngomhla weshumi kweyoMqungu 2025, saze sanentsayino gama etyikitywe ngusihlalo wombutho okhankanywe ngasentla.
Ukuba izakuzala nkomoni iphephandaba iDizindaba ingasemoyeni izokuphakela konke okuqhubekayo.

