EducationLocalNews

Ziyaphucuka iziphumo zebenga leshumi 

30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025

Intatheli: Monwabisi Khininda

Kancinci kancinci ziyaphucuka iziphumo zebenga leshumi (grade 12) kwiphondo leMpuma Kapa.Kunyaka ka-2023 iziphumo zebanga leshumi beziku 81.4%, kanti ezika 2024 zibeku-84.9% ntoleyo echaza ukuba zenyuke ngomyinge ka-3.56%. Esi sisithembiso soMphathiswa welisebe uFundile Gade sokugcina umyinge ka-80% nangaphezulu kweli phondo.

Izithili ezihambe phambili eMpuma Kapa zezi zihlanu zilandelayo:-

Chris Hani East           88.5% inyuke ngo-4.5%

Amathole East             87.8% inyuke ngo-5.4%

Alfred Nzo West         86.9% inyuke ngo-2.1%

Nelson Mandela Bay   86.7% inyuke ngo-3.6%

Alfred Nzo East          85.1% inyuke  ngo-0.8%

UGade ebalisa ngechiza lempumelelo kweli phondo ubalule izifundo zakusasa nezasemva kwemini ebeziqhutywa zititshala zezikolo benikela ngexesha labo.Ukuphuculwa kwendlela yokuhlohla kujongwa ezo ndlela zisebenzayo nezingasebenziyo. Izifundo zikaTshazimpuzi, ebusika naseNtwasahlobo. Kunye nezifundo ezenziwa ngobuxhakaxhaka balemihla kuquka ne-intenethi. Uvale ngelithi uyazingca ngokwazisa ukuba kuzo zonke ezinquleqhu akukho namnye umfundi weli phondo othe wavaleleka ngaphandle.