Kuzakubakho ucwango kwisikhululo samapolisa eNgcobo
30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli: Yonela Mpaka
Wamnkelwe ngezandla ezishushu ozakuthi atsale intambo kwisikhululo samapolisa eNgcobo phantsi komasipala i Dr AB Xuma. Olulwamnkelo luka Colonel Msongelwa lwenziwe kwindlu yebhunga lika masipala.
Amasebe ka rhulumente kwa nenkokheli zokuhlala kuquka iNkosi zibeyinxalenye yolulwamnkelo. Abo bancedisana nabesipolisa ukulwa ulwaphulomthetho nababizwa njengo CPF babeyinxalenye yoku. Ekudala ekweliqoqo le CPF umama unoMawushe Xobololo uthi ukufikelwa ngumntu ozakuzisa ucwangco lonto ithetha lukhulu kuba abantu abazenzela unothanda abayuphinda balifumane ithuba,uthi banqwenela konke afune kwenzeke uMasitishi kwidolophu le kufezeke.
Umasipala kuquka nekomiti bathi bazimisele ukusebenzisana noMasitishi omtsha.OnguSodolophu uZangqa Siyabulela uthi xa wonke umntu enokwazi ukuthetha xa ebona into engalunganga kungalula kakhulu ulwaphulomthetho lungaphela tu.
”Siyacela wonke umntu anike intlonipho kumagosa aphezulu anika ucwangco ukuze kokhula intsebenziswano ,siyamamnkela uColonel Msongelwa sithi asebenze ngokuzinikela,“ utshilo uZangqa. Abo bazakuthi basebenze naye kwisikhululo samapolisa nabo bakuvuyela kakhulu ukufikelwa nguMphathi omtsha.

