‘Sisekuwo amanqwanqwa aphezulu isikolo sethu
30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli: Yonela Mpaka
Isikolo sase Nyanga phantsi kwedolophu yase Ngcobo sithe sanomfundi ophumelele ngokugqithisileyo kwizifundo zakhe zebanga leshumi. Lo mfundi yintwazana eselula kakhulu uPuwana Mihlali nejonge ukuyophuhlisa imfundo yakhe ngoku kwidyunivesithi.Isikolo sase Nyanga sithe sapaselwa kakuhle kodwa asifumananga pesenti ebesiqhele ukuyifumana kwiminyaka yangaphambili.
U Mihlali nongumfundi uthi bekungalalwa ngethuba bezamana neziphumo ezintle bekusa behleli kuba bebeyazi bafunantoni,uthi ebebakhona amaxesha kubonakale kunzima kodwa bazixelela le indlela bazayihamba. U Puwana Mihlali upase ngeyonandlela intle navakalise ukuba uzakubayiyo into ayifunayo kuba iziphumo zakhe ziyamvumela.
Otitshala kwakunye nabazali abebelala beguqile bawufumene umvuzo kuba abantwana abaninzi bapase kakuhle. Ongutitshala kwisikolo i Nyanga u Tunce uthi ibengumsebenzi ukua neziziphumo bekufuneka umntana ofunayo ngenene ukufunda.
“Siyavuya siyabulela kananjalo kubantwana abenze isikolo sethu sibekuwo amanqwanqwa aphezulu,sithi mabahambe bayokwenza okulungileyo ukuze bazobuya baphucule amakhaya wabo,“ utshilo utitshala u Tunce.Isikolo sase Nyanga sinabazali abathe gqolo ukuzisukumela intlanganiso ezibizwayo kungoko isisikolo esiqhuba kakuhle minyaka le nesipaselwa ngabantwana kakuhle.

