Crime & SafetyLocalNews

Zimbi indaba eGcuwa koonovenkile bamazwe angaphandle

16 EyeNkanga 2023 – 22 EyeNkanga 2023 – Anele Raziya

GCUWA 

Umasipala waseMnquma eGcuwa uhlabe ikhwelo kubahlali ukuba bancedisane norhulumente ukulwa into yokuthengiswa kokutya okubolileyo okanye okuphelelwe ingakumbi ziivenkile zabemi bangaphandle.

Kulandela emva kokuba umasipala waseMnquma ebambisene nesebe lezempilo kwingqingi yaseAmathole bebephume iphulo bejikeleza zonke iivenkile eziseGcuwa, Ngqamakhwe nakuCentane.

Eli phulo likamasipala liza emveni kweziganeko zakutsha nje ezithe zapapashwa ngoonondaba nalapho abantwana beguliswe abanye babhubha ngenxa yokutya abakuthenga kwivenkile zabemi bangaphandle, ooMy Friend.

Ezi zinganeko ziye zachazwa kumaphondo awohlukeneyo ngoonondaba nalapho kuvakala ukuba abantwana bebethengiselwa ukutya okuphelelwe lixesha.

Kungokunje uMnquma uzama ukhusela uluntu ukuba lungazibhanqi lusitya ukutya okuphelelwe lixesha.

Ngexesha usindleke iphulo lokuhlola ukutya uMnquma ekunye namagosa wezempilo aseAmathole baye bafumana ukutya okubolileyo kwiveki zabemi bangaphandle.

Oku kutya kuphelelwe lixesha kufumaneke kwiivenkile zabemi bangaphandle abangamaPakistani, Somali nezinye intlanga kwidolophu yaseGcuwa, Ngqamakhwe nakuCentane.

Ukutya kwabantwana abancinci, inyama nokutya okuse totini, kuye kwafunyanwa kwezivenkile sele kuphelelwe lixesha.

Umanejala womasipala waseMnquma, uSilumko Mahlasela uthe sokuze bavumele iivenkile zithengisele abahlali ukutya okubolileyo.

UMahlase uqhube wathi abathengisi ababeka impilo zabahlali ebugozini ngobathengisela ukutya okubolileyo bazakujongana nengalo yomthetho.

Oonovenkile abaye babanjwa ngexesha kugqogqwa ivenkile zabo, bohloywe ngokuhlawuliswa imali engange R2000 okanye bazivale iivenkile zabo zingaphindi zivulwe.

Ukutya okubolileyo namacuba angene ngondlela mnyama kweli lo Mzantsi Afrika athathiwe nguMnquma ayokutshiswa.

Uninzi lwabantu abaye babanjwa bahlawuliswa ngokuthengisa ukutya okuphelelwe lixesha ngabemi bangaphandle nangona umasipala engachazanga inani elichanekileyo.