Umasipala waseMnquma uqinisekisa ngemvume yokuthengiswa kotywala
30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli: Anele Raziya
Umasipala waseMnquma eGcuwa ukwiphulo lokuqinisekisa ukuba abo bathengesa utywala ezilokishini kunye nasezilalini ngabo banempepha mvume zokwenza oko kwaye balandela umthetho. Ukanti nasezidolophini eziquka eyaseGcuwa, Ngqamakhwe kunye nakuCentane kushishini abantu abenempepha mvume abazinikwe ngumasipala. Konke oku kulandela emva kwephulo ebelibanjwe ngamagosa wonyanzeliso mthetho, Law enforcement yaseMnquma nalapho ibihamba ivala zonke iindawo zokucheba (barber shops) ezingenazo permit zokwenza lomsebenzi kwidolophu zaseMnquma.
“Amagosa wethu woNyanzeliso Mthetho athathe iikasi zotywala ezintlobo-ntlobo (ciders and beers) ezinqabeleyo kumakhulu amabini (200) kunye kunye neebhotile zerhangqa (brandy) ezingaphaya kwekhulu,” kutsho Isithethi soMasipala waseMnquma, uLoyiso Mpalantshane enika ingxelo ngeliphulo abaliqhubayo ukugcina ucwagco ezidolophini.
UMpalantshane uthe ezikasi zotywala neebhotili zibanjwe kwabo bashishina ngotywala nangona bengenawo amaphepha abavumelayo ngokuthengisa.
Uqhube wathi bubonke obutywala bebuxabisa ngaphaya koR80 thousand kwaye umasipala ubuthathe wabugcina ngenjongo zokulandela inkqubo ezifanelekiyo zomthetho.
Abo babanjwe bethengisa utywala baye banikwa umdliwo osondeleyo kuR5000 kwaye bayalelwa ukuba bayeke uthengiswa utywala ngokungekho mthethweni.
Iintente zokushishini ngokucheba intloko kwidolophu yaseGcuwa, Centane nase-
Ngqamakhwe ziye zachithwa ezo bezingenazo iimpemethe zoshishini kwezindawo bezikuzo.
UMpalantshane uhlabe ikhwelo lokuba nabanina ofuna ushishina kwidolophu zaseMnquma kumele aye kwi ofisi zika masipala azokufumana uncedo malunga nenkqubo ekumele azilandele ngaphambi kovula ishishini lakhe. Uvalelise ngelithi bazakuqhuba nephulo labo lokuqinisekisa ukuba ucwagco lukhona eMnquma ndawo yonke kwaye akukho mntu usela utywala esindlangalaleni.


