ULULAMA UFUNA INKXASO UKULUNGISELELA IIMBALEKI ZASEMNQUMA
Imbaleki zaseMnquma kunye nezindawo ezingqongileyo ziyadinga inkxaso ukuze zikhuphule umphumo wokuphumelela kwicala lokubaleka. La ngamazwi kaLulama Tase, ongumphathi weqela lembaleki lakuNdabakazi elibizwa ngokuba yiRoyal Striders Athletic Club. UTase uthe, njengamaqela weembalekile eMnquma, banqatyelwe ngamakhuphiswano weemidyarho anokuthi ancedise ugcina abantwana bekhuthazekile kulo mdlalo. Uqhube wathi unobangela wokunqongophala kwala makhuphiswano wokubaleka kungokuba badinga abaxhasi abanokuncedisana ekuphuhliseni lomdlalo.
Kutsho oku ngexesha encokola neliphephandaba malunga neekamva leembaleki zaseGcuwa kunye nezilali ziphuma kwindawo ezingqongileyo. Kwiminyaka edlulileyo, uTase uthe babefudula besindleka iimidyarho engaphaya kwesixhenxe eMnquma ngonyaka, kwaye amanani wabantwana ababethatha inxaxheba kumakhuphiswano wokubaleka ayekhula rhoqo besindleka umsitho. Kodwa uthi xa kunamhlanje beshiyeke iimdyarho ezimbini kuphela, eziquka obizwa Wayside Budget Hotel 5KM neSpargs SuperSpar 5KM, kwaye zibanjiwa rhoqo ngonyaka.
“Xa sibalekisa abantwana kule midyarho yethu, injongo zethu kubasusa kwiziyobisi nakwezinye izinto ezidibanisele nolwaphulo mthetho kuba sifuna babenekamva eliqaqambileyo,” kutsho uTase exelela eli phephandaba. Uthe njengokuba kwathi kwarhoxa abaxhasi babo abafana nevenkile yakwa Weirs Wholesale eGcuwa, uDr Mafuya nabanye babo ngexesha le Covid-19, kwaye kwaba nzima ukuba baphinde bafumane abanye inkxaso kwamanye amashishini.
Uqhube wathi into yokunqaba kwenkxaso kulo mdlalo iyaxhalabisa kuba udlala indima enkulu kwicala lokuqoqa izimilo zolutsha nokuncedisa lona lifezekise amaphupha walo wokubaleka eThivini njengo Yanga Malusi, oyinzalelwane yaseDutywa nosele ebaleka eKapa sithetha nje. UMalusi naye uye waphuhliswa yimidyarho ibifudula isindlekwa eGcuwa, wade wabonwa liqela laseMonti, iReal Gijimas Athletic Club, kodwa sithetha nje uthathwe lelaseKapa ukuze ayokubalekela lona.

iimbaleki zaseMnquma nezendawo ezingqongileyo.
UTase uthe kulo nyaka baceba ukungena kuwo wonke amashishi aseMnquma naseMbhashe, bekhangela inkxaso ngenjongo zokuvuselela imidyarho eyayifudula ibabazwa ndawo yonke xa iza kusindlekwa, zitsho neembaleki zingxalathelane, uzokukhuphisana. Uvalelise ngelithi nabani onomdla wokubanika inkxaso angeza ngaphambili ukuze kuzophuhliswa isakhono somntana ontsundu kulo mdlalo.

