KUZA KULAYITAUMBANE KWIILALIZASE MBASHE UNYAKA NGOLO
Abahlali belali eziqikelelwa kwisine (4) eMbhashe kulindeleke ukuba uphele unyaka omiyo belayita umbane. Ilali yaseLencane, eDrayini, iNewtown naseMcelwane zizindawo ekulindeleke ukuba zifakelwe umbane zingaphelanga inyanga ezintandathu kulo nyaka. Yimizi engamashumi asixhenxe anesine (74) ekulindeleke ukuba ifakelwe umbane kwezi lali zine.
Konke oku kuvele ngexesha uEskom ebambisene nomasipala waseMbhashe bejikeleza zonke iindawo kwiveki ephelileyo bexelela abahlali ukuba zikhona iindawo ezilindelekileyo zixhamle kwinkonzo zombane kula mandla ungaphelanga lonyaka. USodolophu waseMbhashe, uSamkelo Janda, uthe akhona amathuba engqesho aza kuvela kuzo zonke ezi lali zizakufakelwa umbane. Ukutsho oko ethetha nabahlali kwisikolo saseLencane eDutywa kwiveki ephelileyo, nalapho ebekunye namagosa akwa-Eskom kuquka nenkampani ezakufakela umbane kwezi lali.
“Unokhontraka uzakufakela umbane kwimizi emitsha engama-54 ephantsi kwendawo yaseLencane, Drayini kunye naseNewtown,” kutsho uJanda. Le mizi mitsha izakufakelwa umbane, yakhiwe umbane sele ufakelwe kwezinye iindawo ngoku urhulumente uzama ukulungiselela nayo ukuba ilayite ifane naleyo yayakhiwe kudala. UJanda uqhube wathi ilali yaseMcelwane kwaWard 15 kulindeleke ukuba ifakelwe umbane kwimizi engamashumi amabini (20).

kwisikolo iLencane eDutywa eMbhashe.
Uthe le mizi yathi yasala ngethuba kwakufakelwa umbane kule ndawo yaseMcelwane kwixesha eligqithileyo, kwaye ngoku, bebambisene noEskom, bakwinzame zokuba ilayite nayo. Kuzo zonke ilali uEskom ebambisene noMbhashe abaye banyathela kuzo, uJanda uye wacela abahlali ukuba bancedisane nonokhontraka kwaye kungabikho zinto zibiwayo nezonakaliswa xa kuqhuba umsebenzi.
“Le khontrakha ukhuseleko lwayo luxhomekeke kuni njengabantu balapha, kwaye impumelelo yalomsebenzi isezandleni zenu,” utshilo uJanda exelela abahlali. Uthe funeka bakhusele zonke izixhobo ezizakusetyenziswa ukufakelwa umbane kwaye banqande nabo banenjongo zokubhoxo lomsebenzi omhle uzakwenziwa.
Phantse zonke ezi projekthi zokufakelwa kombane kulindeleke ukuba zithathe inyanga ezimbini kwilali nganye xa kufakelwa umbane, ntoleyo ekucingeka ukuba ungaphela lonyaka sele elayita wonke amakhaya angama-74. Unokotraka sele esazisiwe ebahlalini, kwaye uEskom naye uthe uchulumancile kubona abantu baseMbhashe benomdla wokusebenzisana nabo xa kufakelwa umbane. Abahlali baye babulela ngezinkonzo zombane abazakuzifumana kurhulumente.

