Bazokwakhelwa izindlu eNgqushwa
Ngu Anele Raziya
Abahlali belali eziquka eyaseHamburg, eGcinisa, eyaseMpekweni eNgqushwa kulindeleke ukuba bokhelwe izindlu ungaphelanga lonyaka umiyo. Oku kudizwe nguSodolophu woMasipala waseNgqhushwa uSanga Maneli ngexesha ebebambe indibano kunye neezilali kwiveki ephelileyo. Kwindibano yakhe uManeli obekhatshwa nguManejala womasipala, uNdoda Mgengo noSomlomo weBhunga uDaniswa Ncanywa, ebeyokunika ingxelo ebahlalini ukuba kuza kokhiwa izindlu ezingapha kwilali nganye.
Ethetha nabahlali baseHamburg uManeli uthe abantu ababebhalisele ukuxhamla kwinkqubo yezindlu zikarhulumente zesibonelelo abayi-127 bavunyiwe emveni kohlolo (assessment) olwenziweyo. Kodwa nangona kunjalo, ngokwesicwagciso sika rhulumente sokwakha izindlu, uthe elinani labantu bazakwakhelwa alanelanga, kusafuneka kubhalise nabanye ukuze inani lifikelele ku500 ukuze kuqalise iprojekthi yolwakhiwo. Uye wacela abahlali belali yaseHamburg ukuba baphinde babhalise ukongeza elinani ukuze liyokufikelela ku500 yabantu abazakuchamla kwizindlu zesibonelelo sika rhulumente kule ndawo.

Ubhaliso lwezindlu uthe lizakuqhuba kude kube yileveki sikuyo, kwaye amagosa wakwa masipala azakuba khona emaholweni ekubhaliselwa ulungiselela ukuncedisa abo babhalisayo. Ecacisa ngeprojekthi yaseHamburg, uthe izakuba nkulu kuba kulindeleke kwakhiwe izinto eziliqela xa iqhuba. “Uphuhliso oluzakwenziwa apha eHamburg lukhulu, luyi iprojekthi exabisa i-R60 million, luqala kwinyanga yeKhala (Julayi) kwaku lonyaka umiyo. Umongo we projekthi lulwakhiwo lwendlela (Roads infrastructure) kunye nofakelo zibane kwizitalato (Street lighting). Ugqibezele ngelithi kukwakho nenye iprojekthi ezayo, yokwakhiwa kwezibuko elincinci (Small Harbour),” kutsho uManeli.
Uqhube wathi luninzi uphuhliso olulindeleke eHamburg ekuquka kulo nolwakhiwo lwezindlu. Phakathi kwezinto ezizakuthi zijongwe liSebe elijongene nokuHlaliswa koLuntu kwabo bazakube befaka izicelo zokubhalisela izindlu zesibonelelo sika rhulumente kukuba umntu abanomvuzo ongaphantsi kweR3500, kufuneka ibengumi waseMzantsi Afrika kwaye abe neminyaka eyi-18 nangaphezulu. Umntu abe akanayo enye indawo owayebhalisele ufumana indlu kuyo, kwaye akanguye umnini mzi.
Abo babebhalise izindlu kwezinye iindawo kwaye basesemlindweni wokuxhamla banelungelo lokucela phantsi kwenkqubo (yeDe Registration) ukuba bakhelwe kulendawo bahlala kuyo. UManeli uthe xa ejonga kwilali yaseGcinisa wafumanisa ukuba ngabantu abayi-148 eziphumeleleyo izicelo zabo zokwakhelwa izindlu, logama beyi-258 eziphumeleleyo izicelo zabo kwilali yaseMpekweni. Oka Maneli uqhube wathi oku kuchaza ukuthi amanani awakapheleli nakwezilali zimbini, njengoko lali nganye funeka ibenabantu abayi-500 ababhalisele ukwakhelwa izindlu zesibonelelo sika rhulumente.
UManejala woMasipala waseNgqushwa uMgengo uxelele abahlali ukuba amagosa kamasipala kunye neewadi komoti ziyanxalenye yenkqubo yobhaliso ezakusongwa kule veki kwaye ziyancedisa abo babhalisayo. Abahlali bezilali zahlukeneyo beluvuyela uphuhliso kwaye bancoma nenzame zikarhulumente zokuhambisa iinkonzo kuluntu.
