BABONELELWE NGEMIGQOMO YENNKUMA EMITSHA EKRAAIFONTEIN.
NgeCawe umhla we-09/3/2025, abahlali bakuWard 101 bafumene isibonelelo semigqomo emitsha nebiziswe ngqo kubo sisiXeko seKapa phantsi kwecandelo leSolid Waste Management. Oku kwenzeke kwi-ofisi kaCeba kuleWadi nalapho abantu abebenikwa khona le migqomo emitsha. Abantu abebenikwa, ngabo bangazange babanayo imigqomo ngaphambili, ibengabo ababenayo kodwa yamoshakala, eminye yebiwa. Oku uCeba weWadi ukuchaze njengephulo lokuzisa inkonzo ebantwini. Iyonke imigqomo ebizisiwe ibimalunga nama.-288 . Oku kuncedisa nasekuthini kungalahlwa inkunkuma (illegal dumping).
WATCH : – Please follow our Facebook Page to get the latest – CLICK HERE


