WATCH | U-ANATHI DYANTYI (18) OTYUNJELWE UKUYA KUDLALA ESPAIN
U-Anathi Dyantyi yintwazana eneminyaka eyi-18, uhlala eBloekombos, Kraaifontein uthe watyunjwa ukuya kudlala kumdlalo webhola ekhatywayo phantsi kwe Akhademi i-B.T mdlalo lowo ozakuba seSpain kwinyanga kaJuni/kweyeSilimela ukususela ngomhla we-6 ukuya kowe-16 kulo nyaka ka-2025. Ngokutsho kukaMama wakhe, olu hambo luxabisa ama-R65.000 kwaye ke uthi uyabuva ubunzima nanjengoko ininzi le mali, kodwa uyazama ukuhlangabezana nayo kuba esoyikisela ukuphoxeka komntwana sele efumana ithuba lokuntingela phambili kumdlalo wesoka. Umchaze u-Anathi njengomntwana owaqala wadlala i-netball kodwa ke kwabuya kwavela kwakuye eli cala lesoka. Utsho esithi uyacela kuye nabani onokunikeza inkxaso yokuncedisa ekuhlangabezaneni neendleko zolu hambo.
Ungathumela inkxaso yakho apha:
Bank: Capitec
2315856759
A Dyantyi (Miss)
067 035 3220
Okanye fownela uMama ka Anathi.
078Â 237Â 6942
WATCH –


