CommunityLocalNews

Bebebambe inkomfa ne Jemeni abesikolo iNyanga

24 August 2023 – Yonela Mpaka

ENGCOBO

Umphathiswa weSebe lezeMfundo uFundile Gade utyelele kwisikolo samabanga aphezulu iNyanga eNgcobo ezokuwonga abafundi ababini abebengenele inkomfa eyenziwa ngobuxhakaxhaka nebiqhubela eJemeni. Abafundi babini uMaliwa Lisakhanya kwakunye no Duna Usisipho bebengenele lengxoxo mpikiswano bedibene namanye amazwe afana no Japani kuxoxwa ngengxaki abanazo ezifani noguquguquko lwemoyezulu ,kwa nokungqongonaphala kweziseko ezingundoqo.

Ongumfundi uLisakhanya uthi bathe xa bexoxa bafumanisa ukuba ingxaki ezikhoyo kwelilizwe zezo zikhoyo nakwamanye amazwe.  “Ndiziva ndonwabile kuba sikwazile ukungena kulenkomfa nangona besisokoliswa ngumbane nangoku sizokuwongwa kubonakaliswa ukuba lento besiyenza intle, siyabulela kwititshala ezisikhuthazileyo ukuba sibeyinxalenye yoku kwa nakumphathiswa uGade sibamba ngazo zozibini sifunde lukhulu sibulela ngezipho,” utshilo u Lisakhanya.

Ababafundi banikezwe izeyifikethi kwakunye ne laptop ezizakuthi zibancede bawenze lula umsebenzi.Oka Gade uMpathiswa uthi kwanto ezayo nentle funeka abantwana besikolo bayiyhakazelele. “Siziva sonwabile kukubona abantwana bekwazi ukuphefumlelana nabamanye amazwe noba abadanga badibana siyakhuthazeka kakhulu sithi kwababafundi bathathe inxaxheba huntshu sizobapha ezizixhobo ukubakhuthaza bangayeki ukuthatha inxaxheba bagqamise isikolo sam, sisithi nakutisthala igalelo lakhe siyalibulela kakhulu,”utshilo uGade . Lenkomfa izakuphinda iqhube kwa nezinye izikolo ezijonge ukubayinxalenye zizakuthi zingenele. Izikolo ezahlukeneyo beziyinxalenye yolusuku.