BusinessCommunityNews

‘Sijonge ukuyobonisa ngomsebenzi wethu ezizweni

Yonela Mpaka

Umasipala wase Dr AB Xuma uthe wanikeza ngematshini zokuthunga komama be Project ezahlukeneyo nabathungayo kwilali yase Gobhoti eNgcobo. Omama abathe baxhamla kwezimatshini bebeqala ukuxhaswa kwi project zabo. Ibeluvuyo olukhulu xa benikezwa ezimatshini ziphuma nento yonke kuquka amalaphu.

Umasipala wase Dr AB Xuma phantsi kwe ofisi ka Sodolophu uSiyabulela Zangqa sele exhase iproject eziliqela. Oka Zanqga uthi ufuna omama bakwazi ukuzimela bayeke ukuxhomekeka kubantu abangotata, uthe bakhuthaza ukuliwa indlala nokufunda ukuncedisana xa omnye umama engenanto angalambathi bekhona abo banento, uthe bazimisele ukuxhasa abo bavuka bazenzele kuba kwixesha elizayo basezobabiza bonke abo bathungayo bakhe baqhayise ngezakhono zabo abathungi belali yase Deberha baseqeleni elisayukuxhaswa ngumasipala. Omama abathe baxhamla kwezimatshini bebengawuvali umlomo ngenxa yoba ikokokuqala befumana ithamsanqa lokuxhaswa.

Umama uNozinzile Mtshali  welali i-Gobhoti uthi bayakubulela ukuxhaswa kuba bebelade  besokola .”Siziva sonwabile kuba ngoku sakuthi sithunge  ngematshini ezintsha kuba sivelisa indidi zonke zempahla, sijonge phambili ekubeni siphume  siye ezizweni siyobonisa ngomsebenzi wethu omhle, sibamba ngazo zozibini,” utshilo uMtshali. Umasipala ukhuthaze abantu ukuba banganqabi kwi ofisi xa befuna uncedo.